ULUNTU LWASE DIMBAZA LUZAXHAMLA KWITHALA LEENCWADI ZIKARHULUMENTE EZINTSHA APHO KUZAKUZUZA NOLOMNTU OLUNGABONIYO.
UMphathiswa weSebe lezeMidlalo, uLonwabo, uBugcisa neNkcubeko uNonceba Kontsiwe ebese eseDimbaza namhlanje umhla wama-21 kweyoMdumba 2023, apho abe nikezela ngeThala leeNcwadi zoluntu laseDimbaza kunye nakubantu abangaboniyo.
Eli lithala leencwadi lokuqala kuluntu olumalunga namaShumi amabini amaWaka(22 000) abantu. Elithala likwaza kujongana nabantu abangaboniyo kulandela isicelo seBraille kunye nePrint Institute eMpuma Koloni. Ngaphambili, abantu abangaboniyo babenomnqweno wokusebenzisa ithala leencwadi bethuthwa ukusiwa eQonce kanye ngeveki ukuze bafumane ithala leencwadi likawonke-wonke.
Okunye okulandela oku, ithala leencwadi zikarhulumente liya kubonelela ngenkxaso kwizikolo ezingqonge uluntu kwaye likhuthaze uluntu ukuba lube ngabasebenzisi bethala leencwadi abakhutheleyo. Ukuvulwa kweThala leeNcwadi eliNcinci kunxulunyaniswa nokubhiyozelwa kolwimi lweenkobe lwamazwe ngamazwe njengoko olu suku lugxininisa ukubaluleka kolwimi, iyantlukwano yenkcubeko kunye neelwimi ezininzi.
Olu suku lujolise ekuxhaseni imfundo esemgangathweni, umanyano, iyantlukwano, nokuqonda amazwe ngamazwe. Ulwimi yeyona ndlela isebenzayo abantu abanxibelelana ngayo, kwaye lusebenza njengesixhobo esinamandla sogcino nophuhliso lwenkcubeko nobuhlanga.
Ingxelo: Anita Qubula






