By Nyameka Lamani.
INkundla yeNgingqi yasePeddie igwebe uBubele Xhege (26) iminyaka elishumi elinesibhozo (18) ngokubulala uMluleki Zono (32) noNkolelo Simani (28). La matyala enzeka ngomhla wesixhenxe (7) kweyeDwarha 2023 kumsitho wesintu kwilali yaseCrossroads, ePeddie.
Inkundla ive ukuba umtyholwa ebesela utywala nomfi nabanye kwikhaya ebekuqhutyelwa kulo umsitho. Kwabakho ingxabano emva kokuba uXhege ethathe icuba kuZono. Nangona amangqina ekwazile ukungenelela athomalalisa imeko, uZono uye waphuma. Wamlandela uXhege wamhlaba kabini entanyeni.
Ngethuba uSimani, umfi wesibini (2), ezama ukungenelela, uXhege uyewabaleka. USimani kunye nelinye ingqina bamlandele ngelixa besazisa amapolisa. Uthe akufika kwikhaya lommangalelwa, uXhege uthe gqi wongamela uSimani, emhlaba izihlandlo ezithathu (3) emqolo. Emva kokuba uSimani ewile, umtyholwa waqhubeka emhlaba amatyeli amaninzi de wabhubha. Ngokukhawuleza ingqina labaleka ukuya kufuna uncedo.
UXhege wabanjwa ngentsasa elandelayo, esanxibe impahla enegazi. Ulivumile ityala, ebanga ukuba wayenxile kakhulu ngelo xesha kwaye akazikhumbuli ezo ziganeko. Nangona kunjalo, umtshutshisi wathi eso sicelo asiyondlela yokuzisola ngokunyanisekileyo kodwa yayikukuvuma ityala elinzima ngakuye.
Umtshutshisi obambeleyo kwiNkundla yeNgingqi, uThobani Matyeni, ungenise ubungqina obugcweleyo, obuquka icwecwe lemifanekiso, iingxelo zovavanyo lwesidumbu, kunye nengxelo yempembelelo yexhoba ehlanganiswe ngoncedo lweGosa laMatyala leNkundla, uBusisiwe Matyalana. Ingxelo ebhalwe nguTata kaZono, ichaza unxunguphalo olunzulu lweemvakalelo olufunyenwe lusapho, ngakumbi ifuthe elibi kunyana kaZono oneminyaka emithathu (3) ubudala, ozakukhula ngaphandle kukayise.
Xa iwisa isigwebo, inkundla yabona ubunzulu bamatyala kodwa yatyeshela kubuncinci obumiselweyo beminyaka elishumi elinesihlanu (15) kwibalo ngalinye, iqwalasela ukuba uXhege wayengumenzi wokuqala ukuvakalisa ngqa kwaye ebonakalisa ukuzisola. Ugwetywe iminyaka elishumi elinambini (12) entolongweni kwityala ngalinye lokubulala, iminyaka emithandathu (6) kwityala lesibini ukuba liqhube ngaxeshanye, nto leyo ebangele isigwebo esisebenzayo seminyaka elishumi elinesibhozo (18).
Esamkela esi sigwebo, uMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uMnumzana Barry Madolo, uncome umsebenzi wezotshutshiso neqela eliphandayo.
“Eli tyala lisisikhumbuzo esibuhlungu semiphumo emibi yogonyamelo olubangelwa butywala. Inyathelo elikhawulezileyo neliqinisekileyo lamapolisa, inkuthalo yabatshutshisi, nenkalipho yamangqina yayibalulekile ekuqinisekiseni ukuba ubulungisa buyenziwa. Nangona kungekho sigwebo sinobuyisa ubomi obulahlelikeyo kodwa sinethemba lokuba eziziphumo zizozisa ukuxola kwintsapho ezifelweyo,” utshilo uMnumzana Madolo.
UMnu Madolo uqhubekile wagxininisa ukubaluleka kokubandakanyeka koluntu ekulweni ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela kwaye wavuma indima ebalulekileyo yamagosa olungiselelo lwenkundla ekuxhaseni iintsapho zamaxhoba kuyo yonke inkqubo yenkundla.

