Kuhlatywe emfama ngokumasikizi eMpuma Koloni.

Amapolisa aseMpuma Koloni abambe abarhanelwa ababini emveni kokuhlaselwa komfama onamashumi amathandathu anethoba (69) ubudala, eBarkly East.

Isithethi samapolisa uPriscilla Naidu uthe kutyholwa ukuba ixhoba beliphandle liyokulayta iGenerator ekumgama weemitha ezilishumi nantlanu endlini ngexesha ehlaselwa ehlatywa entanyeni ngumntu angamaziyo.

Ixhoba liye lakwazi ukuzisindisa ngokubalekela endlini ze unyana walo wambalekisela esibhedlele.

Oka Naidu uthi abarhanelwa bazakuthi bavele undkundleni kamantyi namhlanje ngezityholo zokuzama ukubulala, ukuba nezixhobo ezinobungozi kunye nemipu engekhomthethweni.

UNaidu wongeze wathi amapolisa aseBarkly East bebesendleleni ebheka eAliwal North ngexa bebona amadoda amabini ayefana nenkcazelo yabarhanelwa.

“La madoda athe okubona amapolisa abaleka kodwa abanjwa. Abacuphi bakwaphanda unxulumano kumanye amatyala okuqhekeza izindlu kwakule ngingqi.”

SourceSABC News

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA