17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Kuhlatywe kwabulawa ixhegokazi nomzukulwana walo eMqanduli.

Uyavela namhlanje umrhanelwa otyholwa ngokubulala owasetyhini nomntwana kwi Nkundla ka Mantyi eMnqanduli.

Le ndoda ineminyaka engamashumi amabini anethoba ubudala ityholwa ngamatyala amabini, elokudlwengula nokubulala emva kokuba fukunyenwe umzimba wexhegwazana elineminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu ubudala kwakunye nomntwana oyintombazana oneminyaka emithathu ubudala.

Le mizimba ifunyenwe ngentsasa yayizolo kwindawo iUpper Cezu.

Kutyholwa ukuba uMothando Bhavu kunye nomzukulwana wakhe bebelele ngethuba umrhanelwa ekhaba ucango engena endlwini. Eli xhegokazi liye larhuqelwa kwi gumbi lokuphumla apho Kutyholwa ukuba lidlwengulwe ze lahlatywa nge mela emva koko.

Umrhanelwa uye wangqala egumbini lokulala ze wafika kukho umntwana nongu Achumile Bhavu ze naye wamhlaba wambulala. Ngentsasa yayizolo abahlali balume amaPolisa iindlebe ze aqalisa kwangoko ukuqhuba uphando kwindawo yexhwayelo. Kubanjwe umrhanelwa nongu mmelwane wexhoba kuba ngethuba kuqhutywa ugqogqo kufunyenwe isixhobo sokubulala kwakunye nempahla ezinegazi.

UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene ubaqhwabele izandla abahlali ngokusebenzisana namaPolisa nokuqinisekisa ukuba umrhanelwa uyabanjwa ngoku khawuleza. Uqhube ngelithi abanakuvumela abophuli mthetho ukuba bahlale phakathi kwabo ngoba abantu basebungciphekweni kwaye abasetyhini nabantwana badlwengulwa babulawe ngabantu ababaziyo nababathembileyo, kungoko befuna ukuqinisekisa ukuba bayabanjwa.

Ingxelo:Zintle Madikane

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks