15.6 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

Umqhubi wesithuthi sikawonke-wonke eGqeberha uye wazithathela ngenkani kumhlaba ongezantsi kumkhweli.

AmaPolisa aseGqeberha acela uncedo kuluntu ekukhangeleni umrhanelwa otyholwa ngokudlwengula owasetyhini nobekhwele kwiSithuthi salo mrhanelwa kwindawo yaseSummerstrand.

Isithethi samaPolisa kulammandla uKapteni Janse Van Rensburg uthe kutyholwa ngelithi, lo wasetyhini ukhwele iTaxi ngakwi ndlela engase Lwandle eMcArthur kufuphi nendawo yokuqubha. Kutyholwa ngelithi umqhubi wale Taxi uye wamisa kwindawo engaziwayo nalapho lo wasetyhini aye wadlwengulelwa khona.

UVan Rensburg wandule uthi emva koko lo wasetyhini uye wothulwa kwindawo nalapho athe wakuziva ukuba ukhuselekile wasusa isigqumathelo eso besise mehlweni esifakwe ngumrhanelwa, wazibhaqa sele ekwindlela iRussel nalapho aye wafumana khona uncedo kuluntu.

Kuyacelwa nabanina onokunceda ekukhangeleni lo mrhanelwa okanye anike ulwazi elinoku khokhelela ekubanjweni kucelwa atsalele umnxeba ku Detective Mziwethemba Klaas ku 082 565 0189 okanye ku Crime stop ku 08600 10111 okanye kwisikhululo samaPolisa esikufutshane.

Ingxelo:Zintle Madikane

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
72 %
4.9kmh
88 %
Fri
40 °
Sat
24 °
Sun
26 °
Mon
23 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks