Kubanjwe amadoda amathundathu (6) malunga nokuxhwilwa nokubulala umdlali wasemva weKaizer Chiefs, uLuke Fleurs, kulindeleke ukuba afake isicelo sebheyile xa ityala liqhubeka kwinkundla kamantyi yaseRoodepoort ngale ntsasa.
UFleurs wadutyulwa wabulawa ngethuba kuxhwilwa imoto eRoodepoort, kwintshona yeRhawuti, ekuqaleni kwale nyanga.
Aba batyholwa abathandathu (6) babanjwa eSlovoville eSoweto ngomhla weshumi kuTshazimpuzi.
Kukholelwa ukuba bayinxalenye yeqela elijongene nokuxhwilwa kweemoto eGauteng.
UFleurs oneminyaka engamaShumi amaBini aneSins (24) ubudala wadutyulwa wabulawa kwisikhululo sepetroli eHoneydew phambi kokuba abahlaseli bahambe nemoto yakhe eyathi kamva yafunyanwa ikhutshiwe.
Bebevele enkundleni kwiveki ephelileyo kwaye ngethuba bevela, bafumana ukumelwa ngokusemthethweni kwiLegal Aid.
Igqwetha labo licele ukuba lo mba uhlehliselwe namhlanje ukuze baziqhelanise netyala.
Ngexesha lenkonzo yesikhumbuzo yakhe ebiseFNB Stadium, amaqela ebhola ekhatywayo abongoza urhulumente ukuba enze uMzantsi Afrika ukhuseleke.
Anita Qubula

