19.8 C
King William's Town
Thursday, April 24, 2025

Kulindeleke umtyalimali omtsha kwintsagu e-Coega

Inkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane uza kutyhila utyalo-mali olutsha lwentsangu kwindawo yezoQoqosho iCoega Special Zone (SEZ).

Isibhengezo esilindelekileyo sangoMvulo umhla wamashumi amabini anethoba kuTshazimpuzi, siyakwazisa u-Medigrow kwi-SEZ, apho bajonge ukulungisa indawo yokukhulisa intsangu kunye nesityalo sokulungisa.

UMabuyane uzakube ekunye noMphathiswa woPhuhliso lwamaPhandle noHlaziyo lwezoLimo iNonkqubela Pieters.
Isithethi seli Sebe uMvusiwekaya Sicwetsha uthi le nkampani yaqala ngo2017 kwaye ineefama ezilishumi elinesine (14) ezilinywa nentsangu kuMzantsi Afrika wonke.

Uthe batyikitye isivumelwano kunye ne-Coega sokuseka intsangu ngaphakathi, ukuyikhulisa, ukusetyenzwa, kunye nokupakishwa, ishishini lokuvelisa imidiza eyenzelwe ukuthengisa ngaphandle.

“Ngeli thuba urhulumente kunye neMedigrow bazakubhengeza utyalo-mali lwabo lwemali kolu phuhliso lwentsangu, amathuba akhoyo amafama, uphando, kunye neenkqubo zophuhliso ezizakuqhutywa njengenxalenye yolu tyalo-mali lutsha,” uthethe watsho uSicwetsha.

Uhambisa athi olu tyalo-mali lubonise umsebenzi owenziwe nguRhulumente wePhondo ekuphakamiseni iMpuma Koloni njengendawo yentsangu njengoko uMabuyane watshoyo kwiNtetho yobume bePhondo ka-2019.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
76 %
3kmh
85 %
Thu
19 °
Fri
25 °
Sat
28 °
Sun
31 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks