Kulindeleke umtyalimali omtsha kwintsagu e-Coega

Inkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane uza kutyhila utyalo-mali olutsha lwentsangu kwindawo yezoQoqosho iCoega Special Zone (SEZ).

Isibhengezo esilindelekileyo sangoMvulo umhla wamashumi amabini anethoba kuTshazimpuzi, siyakwazisa u-Medigrow kwi-SEZ, apho bajonge ukulungisa indawo yokukhulisa intsangu kunye nesityalo sokulungisa.

UMabuyane uzakube ekunye noMphathiswa woPhuhliso lwamaPhandle noHlaziyo lwezoLimo iNonkqubela Pieters.
Isithethi seli Sebe uMvusiwekaya Sicwetsha uthi le nkampani yaqala ngo2017 kwaye ineefama ezilishumi elinesine (14) ezilinywa nentsangu kuMzantsi Afrika wonke.

Uthe batyikitye isivumelwano kunye ne-Coega sokuseka intsangu ngaphakathi, ukuyikhulisa, ukusetyenzwa, kunye nokupakishwa, ishishini lokuvelisa imidiza eyenzelwe ukuthengisa ngaphandle.

“Ngeli thuba urhulumente kunye neMedigrow bazakubhengeza utyalo-mali lwabo lwemali kolu phuhliso lwentsangu, amathuba akhoyo amafama, uphando, kunye neenkqubo zophuhliso ezizakuqhutywa njengenxalenye yolu tyalo-mali lutsha,” uthethe watsho uSicwetsha.

Uhambisa athi olu tyalo-mali lubonise umsebenzi owenziwe nguRhulumente wePhondo ekuphakamiseni iMpuma Koloni njengendawo yentsangu njengoko uMabuyane watshoyo kwiNtetho yobume bePhondo ka-2019.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.5 ° C
20.5 °
20.5 °
83 %
0.8kmh
100 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
16 °

EZITHANDWAYO INDABA