UMphathiswa wezoThutho kwiphondo leMpuma Koloni uXolile Nqatha kulindeleke ukuba abize indibano yengxoxo yezothutho lukawonke-wonke eMonti, eMpuma Koloni. Injongo yale seshoni kukuchonga izisombululo ezizinzileyo zenkonzo yezothutho lukawonke-wonke, ingakumbi xa kujongwa ixesha leziyunguma ezizayo kunye nokuthontelana okulindelweyo kwabahambi abagodukayo kwiiholide zikaDisemba.
Isithethi sezothutho, ephondweni u-Unathi Binqose, uthi le ndibano ijolise ekupheliseni ukungavisisani phakathi kwabaqhubi bezithuthi zikawonke-wonke.
UBinqose uthi, “Indibano yengxoxo ebanjwe nguMphathiswa uNqatha idibanisa phantsi kophahla olunye amaqela amabini akhuphisanayo ombutho weeteksi iSANTACO eMpuma Koloni kunye nabaqhubi beebhasi ezincinci. Iinjongo kukufumana isisombululo esihlala sihleli kwingxwabangxwaba ekhe ifikelele kwinqanaba elibi ngamanye amaxesha kwaye ichaphazele ubomi babaqhubi beeteksi ngelixa abaqhubi beebhasi ezincinci ngakumbi iAB 350 betshiselwe iibhasi zabo kwezi nyanga zidlulileyo,” utshilo uBinqose.

