Abaqhubi beenqwelo-mafutha baseMzantsi Afrika baza kuphinda bazive becinezelwe ziipompo zepetula kule nyanga yoKwindla, oku kuza emva kokufumana isiqabu kulenyanga iphelileyo yoMdumba, apho idizili ibone ukunyuka okukhulu.
Ukususela ngoLwesithathu, umhla wesine (4) kweyoKwindla, zombini iintlobo zepetroli, u-93 kunye no-95 u-unleaded i, ziya kunyuka ngeesenti ezingamashumi amabini (0.20c) ngelitha.
Amaxabiso edizili anyuka kakhulu, apho idizili nge 62c ilitha. Ngelixa Iparafini izoka nge 44c ilitha.
ISebe lezembiwa ne Petula (Mineral & Petroleum) lithi ukunyuka kubangelwa kakhulu kukunyuka kwamaxabiso epetroli kumazwe ngamazwe ngeli xesha liphantsi kovavanyo.
Isebe longeza ngelithi ukunyuka ngebekubi kakhulu ukuba irandi ibingaqinanga xa ithelekiswa nedola yaseMelika.
Ukususela ngomhla wesine (4) kweyoKwindla, abaqhubi beenqwelo-mafutha bangaphakathi kweli lizwe baya kuhlawula i-R20.19c ngelitha kwi-93 ULP kunye ne-R20.30 ngelitha kwi-95 ULP.
Olu nyuko alukabandakanyi irhafu eyongezelelweyo yepetroli ye-21 cents ngelitha ebhengezwe nguMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana kwiNtetho yakhe yoHlahlo-lwabiwo mali lwakutshanje.
Loo rhafu iza kuqala ukusebenza ngomhla wokuqala (1) kuTshazimpunzi kwaye ibandakanya uhlengahlengiso kwirhafu yepetroli ngokubanzi, irhafu yepetroli yekhabhoni kunye nerhafu yeRoad Accident Fund, nto leyo ethetha ukuba uxinzelelo olongezelelweyo kubaqhubi beenqwelo-mafutha lulindelekile kwiiveki ezizayo.
Kwangaxeshanye, uxinzelelo lwehlabathi longeza ukungaqiniseki kwimbonakalo yepetroli.
Ethetha ngempembelelo enokubakho yohlaselo lwakutsha nje lwe-US Israel e-Iran, ingcali yezoqoqosho yeNorthwest University Business School uNjingalwazi uRaymond Parsons uthi uMzantsi Afrika akufuneki uyithathele ingqalelo imiphumo emibi enokubakho
kwezoqoqosho.
“Impembelelo enkulu kwangoko kumazwe afana noMzantsi Afrika iya kuba kukungaqiniseki okuphezulu malunga namaxabiso eoyile yehlabathi kwaye ke ngoko amathuba eendleko zepetroli eziphezulu kwiinyanga ezizayo,” utshilo uParsons kwingxelo ekhutshwe ngabeendaba ze Algoa
Wongeza ngelithi amaxabiso eoyile kulindeleke ukuba anyuke kwixesha elifutshane kwaye anokuhlala ephakanyisiwe kuxhomekeke kwindlela ingxabano eqhubeka ngayo kunye nokuba iindlela zokubonelela ziyaphazamiseka kusini na.
UParsons uthi nangona i-OPEC ibonisile ukuba inokunyusa imveliso, inkxalabo enkulu kukuba ingaba ukuthunyelwa kweoyile e-Iran ngeStrait of Hormuz kunokuchaphazeleka na.

