11.2 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

Kulindeleke ukuba ivele enkundleni indoda edlwengule usana.

OTYHOLWA NGOKU DLWENGULA USANA KULINDELEKE AVELE ENKUNDLENI

Kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseQumrha ngomso umhla wamashumi amabini anesine kule yeThupha, azokuva isigqibo malunga nesicelo sebhebheyile umrhanelwa otyholwa ngokudlwengula.

Lomrhanelwa uneminyaka engamashumi mabini anesibini utyholwa ngokudlwengula intwazana eneminyaka elithoba ngomhla wamashumi amabini anesibini kweyoKwindla kulo umiyo, waye wafaka isicelo sebheyile ze wavela kulenkundla ngomhla wamashumi amabini kulenyanga yeThupha kulo umiyo ukuzokuva isigqibo. Ingxelo zithi lomrhanelwa uthe isizathu sokufaka isicelo kungenxa yokuba unina wakhe akaphilanga kwaye abantwana bakhe ababini omdala kubo uneminyaka elithoba omncinci mibini iminyaka bayaphazamiseka esikolweni ngenxa yelityala, ukwafuna ukwenza izifundo zebhayibhile ukuze azokufundisa abantu abatsha ngotywala ukuba abulunganga.

Inkundla igqibe ekubeni imise lenkqubo de ibe ngumhla wamashumi amabini anesine ukuze kuzoqhutywa nophando nanjengoko kuvakele ukuba lomrhanelwa unetyala elakhe lachithwa ngaphambili. Ingxelo iqhube yadiza elokuba lomrhanelwa uxelele lenkundla ukuba wayekhe wabanjwa ngonyaka ka2017 zelachithwa ityala ngonyaka ka2022 nalapho kwakungekho bungqina obaneleyo ngakulo elityala, lomrhanelwa ucacise elokuba akazazi ezizityholo abekwa zona kwaye akanatyala ngokuba akamazi umntwana lo ulixhoba akazi kwa usapho lwakhe.

UBongeka Malukazi nongumakazi wexhoba uthe abafuni lomrhanelwa ayifuname ibheyile, nanjengoko lento ayenzileyo imbi kwaye ixhoba lihlukumezekile kakhulu. Uqhube esithi esisenzo simbi simoshe isibeleko sexhoba, banethemba ukuba inkundla izakubanika ubulungiswa. Ukanti inkundla izakuthi igqibe ngosuku lwangomso ukuba lomrhanelwa uyayifumana kusini na ibheyile okanye bayasala esisicelo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.2 ° C
11.2 °
11.2 °
76 %
3.8kmh
100 %
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °
Thu
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks