15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Ngena emtshatweni uwazi kakuhle amalungelo akho.

UMphathiswa weMicimbi yezeKhaya uGqirha Aaron Motsoaledi ukhokele iiNgxoxo zoNxibelelwano lwaBaphathiswa ngoMthetho osaYilwayo womtshato eConstitutional Hill eGoli namhlanje. Le ngxoxo idityaniswe ziiNkokheli zeMveli, iinkokeli zezenkolo, iKomishoni yokuLingana ngokweSini, iKomishoni yamaLungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika, iTrasti yeZiko lezoMthetho wabaseTyhini, ukuFikelela, Access Chapter 2, iSave the Children, kunye neFreedom of Religion SA.

Injongo yeNgxoxo yoNxibelelwano kukufuna izimvo kumaqela achaphazelekayo aphambili ngoMthetho osaYilwayo woMtshato ka-2022 othe iKhabhinethi iwuvumile ukuba uluntu luhlomle ngawo ngoJuni walo nyaka.

UMphathiswa uMotsoaledi uthi umthetho oyilwayo wemitshato ufuna ukuqinisekisa ukuba bonke abantu kungajongwanga ubuhlanga, isini, utyekelo lwezesondo, inkolo okanye iinkolelo zenkcubeko baphathwa ngokulinganayo nangesidima.

UMphathiswa uthe Ukuba ufuna ukutshata eMzantsi Afrika, umtshato wakho uya kuqukunjelwa ngokomnye we mithetho equka kuwo i-Marriage Act 25 ka-1961, olawula imitshato yabantu besini esahlukileyo, ukuba ubani uthe watshata ngokwalo mthetho, akanako ukungena kumtshato wesithembu nakwabesini esifanayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks