Kulindeleke ukuvuthuza kwemimoya ngesantya se120km ngeyure ecaleni konxweme.

ISebe leMozulu eMzantsi Afrika (SAWS) likhuphe isilumkiso senqanaba lesiThandathu (6) malunga nemimoya eyingozi namaza azayo kwisithuba seeyure ezingamashumi amabini anesine (24hrs) achaphazela ummandla wonxweme ukusuka ePlettenberg Bay ukuya eMonti.

Kunokulindelwa ukuvuthuza komoya phakathi kwe100-120km ngeyure, nto leyo ekhokelela kwiimeko ezinzima zokuqhuba.

Othethe egameni lezendlela ephondweni u-Unathi Binqose uthi abasebenzisi bendlela nabaqhubi bezithuthi bayabongozwa ukuba balumke okanye bakuphephe ukuba sendleni xa kunokwenzeka njengoko isilumkiso esikhutshwe yiSAWS sinokuba nefuthe elibi, singawisa izithuthi okanye sibangele umonakalo omkhulu kwiipropati kunye neziseko zophuhliso.

Esi silumkiso sikwajolise komasipala baseKouga, Ndlambe naseNgqushwa.

I-SAWS ithi amaza anokonakalisa iziseko ezingundoqo ezingaselunxwemeni, ngelixa iinqanawa zisemngciphekweni wokubhukuqa okanye ukophuka imigca yokuxhoma. Ngaphakathi kwelizwe, iimeko ezifanayo zilindelekile, nangona inqanaba lokulumkisa lithotywe kwinqanaba elityheli lesibini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA