26.2 C
King William's Town
Tuesday, September 3, 2024

Kumiswe iinkqubo zokufunda eNgqushwa emva kokuba abantwana bebona imibono

Isikolo samabanga aphakamileyo i-Amazizi kwilali yaseMazizini eNgqushwa kunyanzeleke ukuba imise ngxi iintshukumo zokufunda nokufundisa emva kokuba abantwana besisikolo bebone imibono engabonwayo kwaye bephalaza ngexesha lesikolo.

Iingxelo zidiza ukuba, ngabantwana bebanga leshumi elinesibini abachaphazeleke ngamandla. Kuvakala ukuba abafundi babona iinyoka zibabhijela okanye babone abantu abangabonwayo ngabanye.

Lengxokolo yokujuba kwabafundi, iqale ebutsheni baleveki ngosuku LwangoLwesibini kodwa ukumiswa kwentshukumo kwenziwe ngoLwesine.

Abasemagunye kwesisikolo bathi baxelele isebe lezemfundo eMpuma Koloni ngalenyewe.

Isithethi sesebe lezemfundo kwiphondo leMpuma Koloni uMalibongwe Mtima uthi kwiimeko ezinjena isebe liye lithumele abafundisi bakwalizwi, amagosa esebe, iinkokheli zemveli kunye nabantu abanyanga ngokwemveli (Oosiyazi namagqirha) ukuzama ukunceda abafundi abachaphazelekileyo.

Kananjalo uMtima uthi isebe liye lithi kwabo bathe babonakalosa iimpawu zokuba bangajuba, baye bacele abeenkonzo zikaxakeka, aboncedo lokuqala ukuba babekhona ukwenzele abo badinga iziko lezempilo bafumane uncedo olukhawuleziyo.

Esithi ke nakwesi sihlandlo isebe lizimisele ukungenelela benze ngolohlobo. Esithi isebe linqwenelela abo abachaphazelekileyo ukuba balulame ngokukhawuleza ukuze kuqhutywekwe kwakhona neenkqubo zokufunda nokufundisa

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
26.2 ° C
26.2 °
26.2 °
32 %
2.2kmh
98 %
Tue
24 °
Wed
25 °
Thu
14 °
Fri
15 °
Sat
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks