11.2 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

Ubalelwa kwi R18 000 umonakalo owenziwe kwi Trecktha yase Bomela Cooperative

Iqumrhu elizimeleyo elingayekanga nzuzo kurhulumente iBomela Cooperative, kwilali yaseBomela eDutywa livuke ligangwa sisithwakumbe sokugqajuzelwa ivili letele-tele (Trackter) yalo ngentseni yangoLwesibini.

Usihlalo weli qumrhu Lunathi Bomela uthi ngobusuku bangoMvulo bothuswe kukukhonkotha kwezinja ekhayeni lakhe, bathi bakurhoba umonakalo baqaphela ukuba, oonqevu babe iinkukhu kwelikhaya. Umonakalo wetele-tele uthi bawuqaphele ngentseni yangoLwesibini.

“Sisakhwankqisekile ngesisehlo ngoba akukho mtu ubonakala eluchasa oluphuhliso nanjengoko linika umkhombandlela kwaye liqasha abantu balommandla ingakumbi abantu abatsha” utshilo uBomela.

Uthi akukho bantu bakhalazayo ngoba le project yabo incedisa wonke umtu waseBhomela ukubeka isonka etafileni. Ukwabalule ukuba nanjengoko eliqumrhu lijongene nokulima, likwathengisa izityalo zalo edolophini eziquka kuzo iKhaphetshu, isipinatshi, amazambane phakathi kwezinye izinto.

Ethetha nentatheli ye EC Indaba ubhomela uthi banawo namathuba emisebenzi angesosigxina abawavelisayo ahlawulelwayo kulelali kubantu abatsha, kwaye bayakwazi ukunikisa ngezithole zezityalo nakuye nabani na umtu ukuba ayotyala kwisitiya sakhe.

UBomela uthi balibhalele isebe lentsebenziswano yophuhliso kwiphondo leMpuma Koloni (ECDC) nanjengoko letele-tele yabonelelwa lelisebe kwi qumrhu labo. Ukanti uthi umonakalo wale tracker ungabalelwa kwimali efikelela kuma R18 000 yeerandi.

Ityala lokunakaliswa kweziseko livulwe kumapholisa ase Dutywa ukuze kuqhubelekwe nophando

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.2 ° C
11.2 °
11.2 °
76 %
3.8kmh
100 %
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °
Thu
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks