27.1 C
King William's Town
Wednesday, March 4, 2026

Kungenelele abakwasidlodlo kumlo wabafundi osabalake ngevidiyo kumaqonga onxibelelwano

Amapolisa eChris Hani athathe amanyathelo okujongana nemilo eqhubekayo kwisikolo samabanga aphakamileyo iNdlovukazi eKomani.

Isithethi samapolisa kulimmandla uCaptain Yolisa Mgolodela uthe intlanganiso neenkolo zendawo, abazali, ootitshala kunye nabafundi iphumelele ekufumaneni unobangela wale milo. “Kucacile ukuba imilo iqale ngexesha lemibhiyozo yolwaluko kunye nemibhiyozo yeholide, apho abafundi babandakanyeke khona kwimilo ebizwa ngokuba yi friction fights,” utshilo ethetha nabeendaba

uthe kuphinda kwacaca ukuba nabazali babengquzulana ngemiba yobunini bomhlaba, nto leyo ethe yabangela ukuba abantwana babo bangenelele kule ngxabano. Amapolisa athe omabini amaqela alunyukisiwe ngobungozi bemilo ingakumbi kubafundi abaselula abasesesikolweni.

UNomazotsho Kopolo nowayesakuba lilungu lebhodi elawulayo kwesisikolo uthe eyona nto ibuhlungu kukuba le milo iqala ngaphakathi esikolweni, nto leyo ekhokelele ekungabonini ngasonye phakathi kwamakhwenkwe. UKopolo ukwakhankanye ukuba ukusetyenziswa kotywala phakathi kwabafundi kungomnye unobangela ophambili walengxaki.

Ukanti amapolisa kunye nonoontlalontle batyelele isikolo, bathetha nabafundi baze bamema abazali ukuba bathethe nabantwana babo. Ootata baseNdlovukazi kulindeleke ukuba badibane namakhwenkwe abandakanyekayo kule milo ngenjongo yokuwakhuthaza ukuba abeke phambili imfundo yabo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
27.1 ° C
27.1 °
27.1 °
55 %
4.5kmh
3 %
Wed
25 °
Thu
26 °
Fri
26 °
Sat
19 °
Sun
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks