Uluntu lwaseKokstad luqalise uqhankqalazo emva kokunyamalala kukaLathitha Mtolo oneminyaka esixhenxe (7) ubudala.
Ugqibele ukubonwa ngoLwesine kwiveki ephelileyo ngelixa edlala nabahlobo bakhe.
Umsindo woluntu unyuke kakhulu emva kokuba iNkundla kaMantyi yaseKokstad ikhulule umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33) ubudala ngoLwesibini umhla wesine (4) kweyoKwindla, ikhankanya ukungabikho kobungqina obubambekayo obumdibanisa ngqo nesiganeko.
Ukanti umngcelele woluntu owenze idolophu yama gxi kwiintshukumo phantse yaba lugonyamelo emva kokukhululwa komrhanelwa.
Iingxelo zibonisa ukuba izindlu ezine (4) zatshisiwe, kuquka nekhaya legqirha elizimeleyo okwangoku kwaye libandakanyeke ekunyamalaleni komntwana – izityholo ezo aziphikayo ngamandla.
Kusenjalo ngosuku izindlu ezatshiswa ngalo, indlela ekwisixeko saseMarikana edibanisa iShayamoya neBhongweni yayivalwe mba, inyanzela izithuthi ezithutha abantwana besikolo kunye nabasebenzi ukuba bafune ezinye iindlela.
Akukho mntu ubanjiweyo ngokunxulumene nolu qhushululu, kwaye amaqela okukhangela kunye nokuhlangula amapolisa ayaqhubeka nemizamo yokufumana umntwana olahlekileyo.
USodolophu waseKokstad, uLwanda Madikizela, ukhuthaze uluntu ukuba lungazithatheli umthetho ezandleni zalo, lunike amapolisa indawo efanelekileyo yokwenza uphando lwalo.
Uthe iinkokeli zasekuhlaleni zixhalabile kakhulu kukuba iingxwabangxwaba ezigubungele idolophu zinokudala ithuba lokuba amalungu olwaphulo-mthetho asebenzise ukungazinzi aze enze ezinye izenzo zolwaphulo-mthetho phantsi kwesiphithiphithi.
USodolophu ugxininise ngakumbi ukuba iinkokeli zikamasipala zisebenza ngokusondeleyo nangokusebenzisana namapolisa ukuqinisekisa ukuba kwenziwa yonke imizamo yokufumana umntwana olahlekileyo.


