Kunqunyanyiswe abafundi abalishumi elinesibini ngezityholo zobuhlanga.

Banqunyanyisiwe abafundi abalishumi elinesibini (12) besikolo samabanga aphakamileyo iPretoria High School for Girls ngezityholo zobuhlanga.

Banqunyanyisiwe abafundi abalishumi elinesibini (12) besikolo samabanga aphakamileyo iPretoria High School for Girls ngezityholo zobuhlanga. Oku kunqunyanyiswa kuza emva koqhankqalazo lwabafundi olucwangciselwe uLwesihlanu weveki ephelileyo.

Izityholo ekutyholwa ngokuba zizizathu zobuhlanga ngabafundi abantsundu ezivakaliswe ku-WhatsApp eziquka abafundi abamhlophe ziye aphembelela olu qhankqalazo.

Isithethi sesebe lezemfundo eRhawutini, uSteve Mabona, uthi bekubanjwe indibano engxamisekileyo ngoLwesihlanu odlulileyo nabafundi abaceba ukuqhankqalaza.

“IBhunga loLawulo leSikolo (SGB) ligqibe ekubeni libanqumamise bonke abafundi abachaphazelekayo, kwaye iingxoxo zabo zoluleko zicwangciselwe ukuba ziqhubeke nge-30 nange-31 kweyeKhala 2024. ISithili sele silusungule olwaso uphando.”

Wongeza ngelithi, “Kubalulekile ukuba imeko-bume yesikolo ingalityesheli ilungelo lokufumana imfundo. Asinakuvumela nakuphi na ukuziphatha kakubi okanye iiyantlukwano zobuhlanga ukuba zenzeke kuso nasiphi na isikolo sethu.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA