Kunyanzeleke zivalwe ngesaquphe izikolo ngenxa yonqevu baseGqeberha abaxakileyo

Zimalunga neshumi(10) izikolo zikarhulumente kwisithili semfundo iNelson Mandela eziye zaphangwa zikhonjwa ngemipu ngoonqevu baseGqeberha, kambe bexhomisa iinqununu ezimbini nezithe zadutyulwa.

Eziziganeko zezikrelemnqa zinyanzelise isithili ukuba sivale izakhiwo kwaye sifudusele abafundisi-ntsapho kunye nabasebenzi kumaholo ezikolo ezisedolophini ezikufutshane ukuze bakwazi ukusebenza.

Oluphango lwenzeka ngelixa izikolo zixakekile ziishedyuli zazo kuquka  nokumakishwa kwamaphepha nanjengoko kuqukunjelwa imiba yezolawulo nokubhaliswa kweeklasi ezintsha zonyaka ozayo.

Abanqevu bamoshe kangangokuba ootitshala nabasebenzi baphulukene neelaptop zabo, iiselfowuni kunye nezinye izinto ezibalulekileyo. Ukanti ngenxa yoko iSebe leMfundo ePhondweni lisebenzisana namaBhunga oLawulo eZikolo (SGBs) kunye namaQela oLawulo lweZikolo (SMTs) ababhe uthotho lweentlanganiso ukuze kumiselwe imiqathango kwaneendlela ezithile  zokuqinisekiswa kokukwazi ukusebenza kakuhle kwezikolo phantsi kwezo meko.

Kananjalo kucwangciselwe intlanganiso yamahlakani amaninzi phakathi kwenkonzo yesipolisa iSAPS, iForam yesiPolisa yoLuntu kunye namaqela oluntu ukuze kushukuxwe kwaye kusonjululwe lo mba uthande ukuxaka. Okwangoku, inkqubo yokukhusela la maziko iye yaphuhliswa kwaye namapolisa ukuqinisekisa ukubonakala kwawo kwiindawo ezichongiweyo nezixhatshazwa ngabanqevu.

UMphathiswa eMpuma Koloni uGade umemelela abazali noluntu lwaseGqeberha ukuba bakhusele onke amaziko karhulumente, ekwathi inkxaso esuka kurhulumente sele iqalisile ukusebenza.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
92 %
2kmh
97 %
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA