Iqhube ngempumelelo ingqungquthela yeATM eMonti.

Iqhube ngempumelelo phantsi kweentshizane zemvula ingqungquthela yeManifesto yeqela lezopolitiko iATM eMonti kulempela veki sisuka kuyo.

Bebephume ngobuninzi abalandeli nabaxhasi beliqela lezopolitiko kwibala lezemidlalo iABSA. Lengquthela nenjongo yayo ibikukudlulisa umyalezo wokuqinisa izicwangciso zonyaka ozayo kuvoto kwanokudakanca amalungiselelo onyaka wovoto. Ngethuba sityelele njengempukane eziluhlaza kwelibala, ubuzibonela ujongile uchulanco nokuzobetha izifuba kwabalandeli nabaxhasi bakaZungula. Kaloku eliqela lithi lijonge ukubeka uVuyolwethu Zungula kwindlu yowiso mthetho ePitoli njengoMongameli omtsha welizwe loMzantsi Afrika kunyaka ozayo.

LokaZungula uthi, akazukuvuma tu ilizwe loMzantsi Afrika ukuba libenorhulumente ongafuniyo ukuthatha uxanduva lweziphoso zakhe. Uthi loRhulumente uphetheyo uzimisele ukujonga ecaleni xa kuthethwa ngezityholo zorhwaphilizo kwaye oko makuphele. Ukwathe uluntu maluqinisekise ukuba luyavota kunyaka ozayo, kwaye bangazivumeli izigrogriso ezixokayo, nezityhola ukuba abantu abafumana isibonelelo semali kaRhulumente(grant) abasayi kuyifumana xa bevotela omnye umbutho ongowumbi kulo uphetheyo.

Ukwagxeke kabukhali izotyholo ezivela kutshanje, zokuzidalela kwiRandi yeli, nekutyholwa ukuba kwenziwe ziibhanka ezithile. Ugxilile nakuRhulumente weMpuma Koloni, othubelezisa abantu bamazwe angaphandle kwisikhululo somoya esincinci saseQonce nokwenzele ekuqaleni kulonyaka ka2023. Uthi abo bavotela iATM bavotela ikamva elingcono.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA