Amalungu amabini eenkonzo zikaxakeka i-(EMS) eGqeberha akhuthuzwe ekhonjwe ngemipu phambi kwekliniki yakwaZakhele kusasa ngoMvulo umhla wesibhozo (08) kuTshazimpuzi.
Esi sehlo senzeke ngezithuba zentsimbi yesibhozo kusasa emva kokuba abasebenzi behambise isigulane ekiliniki ekwisitalato iBefile bephuma eyadini. Uphango lwenzeke phambi kwekliniki.
Isithethi sesebe lezempilo ephondweni uSizwe Kupelo, uthe aba basebenzi baye bagagana noongqevu abathandathu (6), bexhobe bef’amacala ngemipu, abathathela izinto zabo ezifana nezipaji neemfonomfono zabo. UKupelo uthe abasebenzi babo abonzakaliswanga ngabanqevu, nto nje basephaku-phaku.
“Iyasikhathaza le meko kuba isaqhubeka, siyayigxeka.”utshilo
UKupelo, ukwamemelele uluntu ukuba lusebenzisane namaziko ogcino-mthetho ukuze kupheliswe olu lwaphulo-mthetho.

