Kuqaliswe uphando lokubulala emva kokuba kufunyenwe umzimba womntu wasetyhini eBraelyn
Umzimba walo wasetyhini ongachazwanga ufunyenwe ngaphandle kwendawo yokuhlala kufutshane nevenkile yeCTM File photo.
Amapolisa aqalise uphando lokubulala emva kokubhaqwa komzimba wenkosikazi enamashumi amabini anesibhozo ubudala eBraelyn, eMonti.
Eli bhinqa lifunyenwe linenxeba elibonakalayo ebusweni, ekusenokwenzeka ukuba lalibangelwa ngumpu okanye into ebukhali. Oku kungqinwe sisithethi samapolisa uColonel Siphokazi Mawisa ngoMvulo.
Umsebenzisi ka-Facebook uthumele umfanekiso womzimba womfazi ongaziwayo, ofunyanwe ngaphandle kwendawo yokuhlala kufuphi nevenkile ye-CTM.
“Amapolisa aqinisekisile ukuba umzimba womfazi oneminyaka engamaShumi amabini anesibhozo (28) ufunyenwe kwisitalato saseKashmir, eBraelyn Heights, eBraelyn, nge ntsasa yayizolo.
“Uphando lokuqala lwenziwe kwaye umfi akaziwa kule ndawo, yesiganeko.” utshilo uMawisa.
“Uphando olwenziwe ngamapolisa luwatsalele. Kwii flethi eziqashiwe eBuxton Street, eMonti. Kwafumaniseka ukuba ugqibele ukubonwa ngoMgqibelo umfi lo.
“Amapolisa aphanda ityala lokubulala kwaye abhenele kuye nabani na onokuncedisa ngolwazi olungakhokelela ekubeni kubanjwe umenzi wobubi ukuba aqhagamshelane neSAPS Crime.
Kule nombolo 08600-10111.
29 October 2024