17.5 C
King William's Town
Tuesday, March 25, 2025

Kuqhambuke uqhankqalazo kwiziko-mfundo iNelson Mandela ngentseni yanamhlanje.

Abafuni beDyunivesithi yaseNelson Mandela Bay bakhalazela ixesha abafumana ngalo izibonelelo zabafundi.

Abafundi abaqhankqalazayo benze umonakalo omkhulu kwiYunivesithi iNelson Mandela (NMU) eGqeberha ngokuvala iindawo ezingena kwikhampasi ezikuMntla noMzantsi ngentseni yangoLwesithathu umhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyeKhala.

Iqela labaqhankqalazi abamalunga namashumi amathathu (30) abatshise amatayara kwaye basebenzise neepali ukuvala amasango kuye kwafuneka ukuba lichithwe ziiNkonzo zoKhuselo ze-NMU.

Iimfuno zabafundi ziquka ukuba iYunivesithi ikhuphe izibonelelo zabo zeNational Student Financial Aid Scheme (NSFAS) ngaphambi komhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kwinyanga nganye.

Ngokwengxelo ekhutshwe yi-NMU, abafundi bafuna ukuba izibonelelo zabo zikhutshwe ngomhla weshumi elinesihlanu (15) kwinyanga nganye.

Isithethi se-NMU, uZandile Ngwendu uqinisekise ukuba uphononongo oluqhubekayo kunye nemisebenzi yesiqhelo yoshishino iza kuqhubeka.

Esithi iyunivesithi ibona ukhuseleko lwabafundi nabasebenzi bayo njengento ephambili. Ukwathe ukhuseleko olongezelelweyo luxhonywe kwiindawo zokubhalela iimviwo ukukhusela naluphi na ukuphazamiseka okunokwenzeka.

UNgwendu wongeze ngelithi abalawuli bazakudibana nebhunga elimele abafundi (SRC) namhlanje.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
79 %
1.6kmh
97 %
Tue
17 °
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
24 °
Sat
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks