14.3 C
King William's Town
Thursday, October 2, 2025

Kuqweqwediswe esinye isithuthi sesebe lezothutho eCofimvaba.

Oonqevu baqweqwedise esinye isithuthi seQela loKwakhiwa kweNdlela leSebe lezoThutho eMpuma Koloni, abanqevu baye bakhomba ngompu umqhubi waze umqhubi wayo wagcinwa eAskeaton ngaphandle nje kwaseCofimvaba ebusuku izolo, umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyeKhala 2025.

Umfanekiso: Iveni yomsebenzi wokwakhiwa kweendlela yesebe lezothutho eMpuma Koloni. Ifoto: ISebe lezoThutho eMpuma Koloni.

Esi sithuthi besisenza umsebenzi kwinkqubo yokulungiswa kwendlela kwenye yeendlela ezisemaphandleni xa iqela lamadoda axhobileyo esithuthi sohlobo lweVW Polo emisa ngenkani umphathi owayeqhuba iDouble Cab Bakkie. Bafuna izitshixo zeveni, bambeka kwisitulo esingasemva baqhuba naye umgama omde ngaphambi kokuba bamkhulule.

Likwazile ukuqhagamshelana neofisi yesebe ixhoba kunye namapolisa ukuze banike ingxelo ngesi sehlo. Umkhondo wesithuthi uye wasebenza ngoko nangoko kwaye emva kweeyure, iveni yafunyanwa ishiywe ehlathini kwilali yaseCofimvaba. Kodwa ootsotsi babesele bezityhuthule ezinye izinto ezibalulekileyo.

Umfanekiso: Iveni yomsebenzi wokwakhiwa kweendlela yesebe lezothutho eMpuma Koloni.
Ifoto: ISebe lezoThutho eMpuma Koloni.

ISithethi seSebe lezoThutho eMpuma Koloni, uUnathi Binqose uthi luya luqatsela uhlaselo lwezithuthi zesebe ephondweni.

Olu luhlaselo lwesithathu olulolu hlobo kuhlaselo lwezithuthi zesebe lolwakhiwo lwendlela kwisithili saseChris Hani kuphela, kwaye luhlaselo lwesine eMpuma Koloni kwisithuba seeveki nje ezintlanu. Lonke olu hlaselo lubuyisela umva kakhulu kwiinzame zesebe zokuhoya imingeni yeziseko zophuhliso lweendlela zasemaphandleni kwiphondo,” utshilo uBinqose.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
14.3 ° C
14.3 °
14.3 °
82 %
6.5kmh
67 %
Thu
15 °
Fri
16 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks