By Asemahle Mbete.
Uhlahlo lwabiwo-mali lweSebe lezeMfundo ePhakamileyo oluthe kwade kwangoMvulo lugrogrisa ngokuphazamisa ulwabiwo-mali lukazwelonke lupasisiwe, kodwa akukho nto ithethwayo phakathi kwamaqela ezopolitiko.
Ngelixa iEconomic Freedom Fighters (EFF) ilumkisile ngelithi izakuqhubekeka ukufaka uxinzelelo kubaphathiswa abangoomakhwekhwetha, iBuild One South Africa (BOSA) ithathele ingqalelo iDemocratic Alliance (DA) ngento eyibiza ngokuba yimidlalo yeqonga yezopolitiko malunga nokwala kwangaphambili kweDA ukuvuma uhlahlo lwabiwo-mali ukuba ebengagxothwanga owayesakuba ngumphathiswa, uNobuhle Nkabane.
Kodwa umbutho weAfrican National Congress (ANC) uphendule ngelithi lo mbutho awunanto yokwenza nokugxothwa kwakhe ngezembe ngobusuku bangoMvulo.
Usihlalo wekomiti yezemfundo ephakamileyo ePalamente, uTebogo Letsie, uthe umamkele ngezandla ezishushu umphathiswa omtsha uButi Manamela.
“Sukumamela izigrogriso ezingenamsebenzi. Okuphela komntu onokunyula asuse umphathiswa ngumongameli, hayi abantu abangxolayo.”
Ukanti uSihle Lonzi weEFF uthe umbutho wakhe uzakubhentsisa nawuphi na umphathiswa ofuna ukunika amaqabane imisebenzi.
“Abo bangcatsha intembeko yabantu baseMzantsi Afrika ngokwenza izenzo zobuqhophololo abasayi kuwagqiba amaxesha abo njengabaphathiswa.”
USekela Mbhexeshi weDA, uBaxolile Nodada, uthe umbono walo mbutho ngaphambili kule voti yohlahlo lwabiwo-mali ngumgaqo, hayi kumanqaku ezopolitiko.
“Asinakuze sinyamezele naluphi na uhlobo lorhwaphilizo, okanye ukuphathwa kakubi, okanye ukulahlekisa iPalamente.”

