20 C
King William's Town
Saturday, February 8, 2025

Kurhaneleka umoya obhudla ngamandla kwingozi eyenzeke kweliphondo namhlanje.

Kubhubhe abantu ababini konzakala abane emva kokubhukuqa kwesithuthi phakathi kwe-Jamestown neKomani.

Abantu ababini (2) babhubhile, ngelixa abanye abane (4) besonzakala, kwingozi ekurhaneleka ukuba idalwe kukubhudla komoya omkhulu kuhola wendlela uN6 phakathi kweJamestown kunye neKomani ngaseKimber Bridge.

Isiganeko senzeke malunga nomkhono phambi kwentsimbi yesibini (12H45) emva kwemini nje xa isithuthi esinye siphulukana nolawulo saza sabhukuqa.

IMoto eluhlobo leSedan yakwa-Renault Sandero ibikhwelise abantu abathandathu (6) kuquka nomntwana omncinci xa umqhubi ephulukene nolawulo lwesithuthi ebikhweli abantu ababini, indoda kunye nebhinqa ze basweleka kwindawo yesiganeko.

Abonzakeleyo, kuquka nomqhubi – umntu omdala wasetyhini, umkhweli oyindoda, owasetyhini omdala kunye nentombazana eneminyaka emibini ubudala basiwe kwisibhedlele iFrontier Provincial nakwisibhedlele iLife eKomani.

Kutyholwa ngelithi imeko yemozulu engentle ibingunobangela wale ngozi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20 ° C
20 °
20 °
77 %
1.8kmh
7 %
Sat
20 °
Sun
26 °
Mon
18 °
Tue
23 °
Wed
39 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks