22.5 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

Abarhanelwa ababini bafunyenwe.

UMkomishinala wePhondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene kunye nabaphathi bakhe balusizi ngokubulawa kwentwazana ebineminyaka elishumi elinethoba (19) eAlice izolo, ngomhla weshumi kweyeKhayala.

Kuvakala ukuba uKungawo Nyhweba uduke kwikhaya lakhe ngoLwesihlanu odlulileyo kwaye ubikwe emapoliseni ngoMvulo ukuze kwenzwe uphando. Emva kophando amapolisa afumene ulwazi lokuba uqweqwediswe ngowayesakuba ngumfana kunye nomhlobo wakhe.

Uphando lokuqala olwenziwe ngamapolisa lukhokelele ekufumaneni umzimba wakhe izolo ngomhla weshumi (10) kule nyanga kwindawo evulekileyo kwindawo yaseBakhwetheni kwilokishi yaseJoza, eMakhanda. Ngokweenkcukacha, abarhanelwa abane (4) babandakanyeka ekuxhwilweni nasekubulaleni uKungawo, kwaye ababini (2) kwaba barhanelwa babanjwe phezolo ngentsimbi yesixhenxe (19:00) besuka kumakhaya abo eGolf Course, eAlice. Amapolisa asalandela umkhondo wokubamba owayesakuba ngumfana kunye nomhlobo wakhe nanjengoko besagcwele amathafa.

Amapolisa acela nabani na onolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa ukuba atsalele umcuphi uWarrant Officer Khuselwa Matshaya waseAlice SAPS ku-082 388 9014/040 653 1252 okanye inombolo yethu yakwaSAPS CrimeStop 08600 10111.

Aba babini (2) kulindeleke ukuba bavele kwiNkundla kaMantyi eAlice kungekudala.

UMkomishinala wePhondo, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, uwaqhwabele izandla amalungu amapolisa ngempendulo ekhawulezileyo ngokufunyanwa komzimba kaKungawo. Uthumela umyalezo ongqingqwa kuwo onke amalungu oluntu ukuba amapolisa ayasigxeka isenzo soBundlobongela obuSekelwe kwiSini (Gender Based Violence) (GBV), kwaye abasayi kuzinyamezela izenzo zobukrwada eziloluhlobo.

“Siza kusebenza ngokuzimisela ukungenelela ekulweni i-GBV kwiindawo zethu kwaye siqinisekise ukuba siyakulandela naziphi na iinkokeli kwaye sigwebe abenzi bobubi,” wongeze watsho.

By Anita Qubula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
22.5 ° C
22.5 °
22.5 °
22 %
4.1kmh
38 %
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
29 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks