Isebe lezothutho eMpuma Koloni lithi kusweleke abantu abathandathu kwiingozi ezahlukeneyo kweli phondo ngoMgqibelo.
Isithethi seli Sebe uMakhaya Komisa, uthi abanye abathandathu (6)bonzakele kwaye babalekiselwe kwizibhedlele ezahlukeneyo ukuze bafumane unyango. Uninzi lweengozi zibandakanya ukungqubana kweemoto.
UKomisa uthi uMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu uXolile Nqatha udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho eziswelekelweyo. Uthe uMphathiswa ukwanqwenelela abo benzakeleyo ukuba bachache ngokukhawuleza.
UMphathiswa uNqatha ubongoza abaqhubi ukuba balumke ezindleleni, ingakumbi ngeli xesha lixakekileyo.