By Ayabonga Ntengu
Intloko yeeHawks eMpuma Koloni, uMajor-General Mboiki Obed Ngwenya, uliqhwabele izandla igqiza eliphandayo “ngokuzinikela nokusebenza nzima ekugwebeni umenzi wobubi”.
Ngokwengxelo yeendaba ze-News24, UChristopher Andrew Joe, oneminyaka engamashumi amane anesine (44) ubudala, wabanjwa ngenyanga yoMdumba ngezityholo ngobuqhetseba.
Ukhululwe ngebheyile yamawaka amabini (R2 000) eerandi emva kokuvela kwinkundla kamantyi eKomani.
INkampani yakhe, i-Innova Motorworks Pty Ltd, apho aguye yedwa umlawuli, yagunyaziswa ukuba ilungise isithuthi sohlobo lwe-Ford Ranger yamapolisa, eyafumana ukonakala e-Aliwal North ngenyanga yeNkanga ka-2022.
Ngokwengxelo yooKhetshe, uJoe ufake i-invoyisi emapoliseni, esithi ufake injini entsha, i-turbo kunye nee-injector kwisithuthi.
“Uhlolo olwenziwa ngumkhandi weSAPS emva kokulungiswa kwemoto, luveze ukuba isithuthi sisenenjini yaso endala, i-turbo ibidutyulwe nje yintlabathi, kwaye ii-injector azizange zitshintshwe, oku kukhokelele kwilahleko enkulu yemali kwi-SAPS,” sitshilo isithethi sooKhetshe uLieutenant-Colonel. Avele Fumba.
NgoLwesihlanu, iNkundla yeNgingqi yaseKomani igwebe uJoe iminyaka emihlanu entolongweni, eyanqunyanyiswa yonke, phantsi komqathango wokuba ahlawule inkampani ye-inshorensi yakwaSAPS imali engaphaya kwe-R150 000, kuquka nenzala ye-11.75%, ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyoMdumba ka-2025.
Intloko yeeHawks eMpuma Koloni, uMajor-General Mboiki Obed Ngwenya, uliqhwabele izandla igqiza eliphandayo “ngokuzinikela nokusebenza nzima ekugwebeni umenzi wobubi”.

