Kusweleke amakhwenkwe amababini ngethuba edada emlanjeni eMqanduli

By Esona Magawana

Lusentlungwini sapho lease Mqanduli emva kokubhubha kwamakhwenkwe amabini aneminyaka elishumi elinantathu(13), abhukuqwe ngamanzi esiya kupholisa umzimba ngenxa yobushushu obuphezulu basehlotyeni.

U-Obakhe Eighty (13) kwakunye no Babalwa Sithelo (13) baseTaleni eZibodla,baphume besiya eMlanjeni kodwa abazange babesabuya,kufunyenwe kuphela iimpahla zabo elunxwemeni.

U-Obakhe ungcwatywe ngomhla we-30 KweyeNkanga 2025,kanti uBabalwa uzakungcwatywa ngomhla we-6 KweyoMnga 2025.

Inkokeli yaseWard 23, uCllr. L Vuma, ithe le ntlekele iyothusa kwaye ibongoza abazali nabantwana ukuba bahlale bekhuselekile emilanjeni, ngakumbi ngexesha lasehlotyeni.

Kukho nesibongozo esijoliswe kubalandeli beqela lebhola ekhatywayo iKaiser Chiefs Mqanduli Branch,nakwabo baqhuba iitaxi,ukuba bancede bafake isandla kusapho lukaSithelo ngezithuthi zosuku lomngcwabo.

Uluntu luthi esi siganeko masibe sisikhumbuzo sokuba abantwana mabangaze baye emanzini bengakhatshwa okanye bengagadwanga ngumntu onolwazi lokuhlangula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
14.7 ° C
14.7 °
14.7 °
75 %
5.5kmh
100 %
Mon
23 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °

EZITHANDWAYO INDABA