Kusweleke nemveku enenyanga ezimbini kwingozi yeTaxi eLibode, eMpuma Koloni.

Ihambe nemiphefumlo emihlanu ingozi yenqwelo mafutha eyenzeke eLibode kwiPhondo le Mpuma Koloni.

ISithethi seSebe lezeNdlela kweliPhondo uUnathi Binqose uthi itaxi eluhlobo lweQuantum ibisuka eMthatha isingise eMajola iye yabhukuqa kwindlela yegravel ngethuba idlula kwilali iMgwenyane eLibode.

Lo kaBinqose uthi kuvakala ukuba umqhubi uye waphulukana nolawulo lwale moto.

Abantu abalishumi elinesibini (12) baye bonzakala. Ukanti kwabaswelekileyo kukho uTata noMama nekucingwa ukuba batshatile, abantwana ababini, oyena mncinci unenyanga ezimbini kunye nomakhulu oqikelelwa kwiminyaka engamashumo asixhenxe (70s). Umakhulu yena uswelekele xa efika esibhedlele iBarnabas eNtlaza.

Abathathu kwabasindileyo bafumene umonzakalo omkhulu logama abalithoba (9) nabaquka umqhubi bephume nje benemikrwelo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA