Obefudula edlala ibhola yombhoxo eMpuma koloni unomnqweno wokuqeqesha ulutsha oludlala umbhoxo kodwa umqobo kukudinga Wheelchair ezihambelayo.
UKholekile “Bakkies” Bakumeni (37) yinzalelwane yelali Nonibe eQonce. Ubenalo iphupha njengaye nawuphi na umdlali kodwa ukugula kwalitshabalalisa. Ubefudula engumdlali wombhoxo kwinqanaba elibhatalwayo ePhondweni kwiBorder rural, Urban , Border 7s ,Valke 7s.
Ingxaki iqale mhla wahlaselwa sisigulo somhlaza, wanqunyulwa yomibini imilenze yakhe ngenyanga yoKwindla kulonyaka. Sithetha nje usebenzisa wheelchair yemboleko ekulindeleke ayibuyisele kwisibhedlele Cecilia Makhiwane, eMdantsane.
Uxhomekeke kuninakhulu ukuze ahambe phakathi ekhayeni.
Uncokole neliphephandaba namhlanje apho abalise intlungu yakhe.
“Ndicela umsamariya olungileyo ongandithengela wheelchair ehamba ngombane. Ndinomnqweno wokuvusela ibhola yombhoxo ngokuqeqesha ulutsha, njengoko mna ndibenelishwa lokugula ndanqunyulwa imilenze,” Kutsho Bakumeni.
Uyasokola ukuya kudibana nogqirha kwaye unomnqweno wokufezekisa amaphupha abantwana abadlala umbhoxo kuquka nonyana wakhe odlala umbhoxo.
UBakumeni uthi ukungadlalwa kwebhola yombhoxo kwizikolo zasezilalini ingayinto yezolo xa engafumana wheelchair ezihambelayo (Electric wheelchair) njengoko angakwazi ukuya ebaleni ayoqeqesha abadlali abatsha bafezekise amaphupha abo kumbhoxo.
Ukumnceda ungamtsalela umnxeba kwezi nombolo zilandelayo:
Bakkies :073 305 7953Dr Bakumeni : 076 197 9276