Kuthiwe ndlela-ntle namhlanje kusana laseNgqushwa elaatshiswa ngunina

Ibekwe kwikhaya layo lokugqibela namhlanje intwazana eneminyaka emibini (2) ubudala owantunuekwa ngomlilo ngunina eNgqushwa kwindawo yase Crossroad.

Iingxelo zidiza ukuba uOyena Dingela wagalelwa ngeparafini nina oneminyaka engamashumi amane anaye (41) ubudala waze emva koko waqhwitha wamtshisa emtyhola ngelithi ligqwirha.

Ukanti umama womntwana useluvalelweni lamapolisa sithethanje. Kwiveki ephelileyo unina womtwana uthe tshe nje kancinci kwinkundla kamantyi yase Ngqushwa, ukanti kulindeleke ukuba abuyele kwakhona enkundleni ngoLwesithathu umhla weshumi elinesixhenxe (17) kulenyanga yeKhala ukuze afake isicelo sebheyile.

Kusenjalo ngoLwesithathu weveki ephelileyo ophuma kwiKhula Development uPretros Majola ndawonye neenkokheli zemveli, iinkokheli zakwalizwi kunye noluntu ngokubanzi bandwendwele usapho ukuyonika intuthuzelo yasemphefumlweni.

Kusenjalo isigqeba somaspala wasengqushwa sisikhalimele ngeentliziyo ezidandathekileyo esisehlo, sikwahlaba ikhwelo kuwo onke amanina aphamtsi koxinzelelo lasemphefumlweni ukuba eze ngaphambili ukuze afumana uncedo awalidingayo

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA