Umphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu ufuna ubuntlola kulwaphulo-mthetho, ukusetyenziswa kobuchwephesha kuwiniswa.

Umphathiswa wamapolisa kuzwelonke uthi ukuqonda ngqo ukuba ulwaphulo-mthetho luhluka ngokweendawo ngeendawo kwaye unesicwangciso-qhinga sokulwa nolwaphulo-mthetho olwehluka-hlukeneyo.

UMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu ufunge wamunc’intupha ukuba uza kuthoba izinga lokunyuka kolwaphulo-mthetho, ngenjongo yokukhuthaza inkcubeko yokunganyamezeli ubugebenga.

Phambi kwevoti yakhe yohlahlo lwabiwo mali epalamente ngoLwesibini umhla wethoba (9) kweyeKhala, umphathiswa omtsha uthe eyona nto iphambili kuye kukwenza isigqibo. Esithi uceba iindlela zokungenelela.

UMchunu uthi olona lwaphulo-mthetho luphambili elizweni lulwaphulo-mthetho olufana nolokubulala nokudlwengula kwakunye nokuxhwilwa ukuze kuhlawulwe intlawulelo. Uthi ukubulawa kwabasetyhini kunye nabantwana kusaqhubeka nokuba ngunobangela wokukhathazeka kakhulu kwaye kugunyazisa amanyathelo aqatha kunyanzeliso lomthetho.

Ethetha noonondaba ngoMvulo umhla weshumi elinesihlanu (15) uMchunu uthi umsebenzi wabo ucacile. Uthi ilizwe kufuneka likhuseleke kubo bonke abemi kunye nabantu kulo lonke eli loMzantsi Afrika kufuneka bakwazi ukuzulazula nangaliphi na ixesha ngaphandle koloyiko lokuphangwa zizigebenga.

UMchunu uvumile ukuba amanqanaba kunye neendidi zolwaphulo-mthetho ziyahluka kwiphondo ngalinye kwaye uthe kuya kufuneka kuqwalaselwe iintshukumo ezingqamene nephondo ekuqulunqweni kwesicwangciso-qhinga sikazwelonke sokuthintela ulwaphulo-mthetho.

“Le meko ikwafuna ukuba sicinge ukuba yeyiphi inkqubo yolawulo efunekayo ngokubanzi kwinkonzo yamapolisa eza kuthi isenze sikwazi ukusabela ngokufanelekileyo kumngeni omkhulu esijongene nawo.

Kungumbono wethu nokuqonda kwethu ukuba kusenokufuneka kuthathwe amanyathelo aqatha ukunciphisa ulwaphulo-mthetho apho kuyimfuneko.”

UMphathiswa uthe ubundlobongela bamaqela emigulukudu buyanda eNtshona Koloni, kwaye wathembisa nokubeka phambili ukujongana neqela lemigulukudu yokwakha.

“Le meko mayilawulwe ukuze abantwana baseCape Flats, eKhayelitsha (Site C), kwiindawo ezithile zaseNelson Mandela Bay nakwiindawo ezithile eRhawitini badlale ezitalatweni bengenaloyiko lokubethwa ziimbumbulu.

“Siwuthathela ingqalelo kakhulu umcimbi weqela lolwakhiwo. Lo mkhwa unxulunyaniswa nezenzo ezitshabalalisayo eziphazamisa ulwakhiwo kunye nophuhliso lweziseko ezingundoqo ezifunwa lilizwe lethu ngokukhawuleza. Iimfuno zokwenyani zotshintsho lwezoqoqosho zinokusingathwa kusetyenziswa imijelo echanekileyo kunye nokusetyenziswa kwemithetho ekhoyo yomgaqo-nkqubo ngaphandle kokubhenela ekuqweqwediseni iziza zokwakha nokusebenzisa ubuqhetseba ukuvelisa ishishini. Lo mbandela uza kuqhubeka unikwa ingqwalasela ephambili.”

Umphathiswa unike ingxelo yokuba usebenzise iveki yokuqala kwintlanganiso ye-ofisi nabaphathi abaphezulu, ookomishinala bamaphondo kunye neentloko zamacandelo eNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika.

“Senze oku ukuqinisekisa ukuba siyiqonda ngokubanzi ipotifoliyo, kubandakanywa imingeni kunye namathuba, ukuze sikwazi ukwenza uyilo lwezinto eziphambili kunye nemisebenzi engxamisekileyo ekhoyo.

“Ngaphezu kokudibana namapolisa, sikwaxhamle kwiingcaciso ezivela kwiCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhambili (Ibutho looKhetshe), iCandelo loPhando lwamaPolisa eliZimeleyo, uGunyaziso loLawulo loShishino loKhuseleko lwaBucala kunye noonobhala boluntu kwiNkonzo yesiPolisa.”

UMchunu uvakalise imfuno engxamisekileyo yokuba inkonzo yamapolisa ibe nobungcali kunye nesimo sengqondo sokunceda nokukhusela uluntu.

“Kufuneka similisele iinkqubo ezisesikweni ezizizo, ukuthanda izwe kunye nokuqonda ukuba owona msebenzi uphambili wepolisa kukuhlala usebenzela kwaye ukhusela uluntu. Ukuncothula urhwaphilizo nokususa amagosa asebupoliseni anorhwaphilizo kwinkonzo kuya kuhlala kungumba ophambili.

“Ukuziphatha kakubi kwamapolisa akusayi kunyanyezelwa, kuzakuthathwa amanyathelo. Sifuna ukutshintsha iimbono ezingalunganga zamapolisa ethu. Abantu kufuneka bawahloniphe amapolisa, bawathembe kwaye bazive bekhuselekile phakathi kwabo. Ubungcali emsebenzini wamapolisa ikwayinxalenye yendlela yokukhusela amapolisa.”

Uzibophelele ekuqinisekiseni ukuba amadoda kunye nabasetyhini abanxiba lubhelu baxhotyiswe ngokufanelekileyo ukunceda ukulwa nolwaphulo-mthetho kunye neenzame zokukhusela.

“Amapolisa ethu kufuneka asebenze kwindawo efanelekileyo. Sizibophelele ekuqinisekiseni ukuba izikhululo zethu zamapolisa zinezibonelelo ezifanelekileyo. Kufuneka sinikezele ngezixhobo eziyimfuneko kunye nezithuthi zokunceda uluntu lwethu ngokufanelekileyo. Kule minyaka mibini idlulileyo, angaphezulu kwamawaka angamashumi amabini (20,000) amapolisa amatsha athe aqeqeshwa.

Siza kuzama ukuqhubeka nokuqinisa amandla kunye nokwandisa uqeqesho lwamapolisa. Amagosa asebupoliseni kufuneka aye kwiikhosi zokuhlaziya rhoqo ukuze ahlale ekulungele ukusebenza. Siza kuqinisa namanye amacandelo akhoyo kumapolisa.”

Umphathiswa uvumile ukuba kufuneka kutyalwe imali kubuchwepheshe obutsha, esithi izaphuli mthetho sele zihambele phambili ngobugwenxa babo.

“Izaphuli-mthetho ziye zantsonkotha ngokuhamba kweminyaka kwaye iindlela zokulwa nokufumanisa ulwaphulo-mthetho lwakudala azinakuphumelela. Ukudityaniswa kobuchwepheshe kwiinkonzo zamapolisa kubalulekile ke ngoko ekwandiseni impumelelo kunye nokukwazi ukunyanzeliswa komthetho.

“Siza kukubeka phambili ukuqaliswa kobuchwepheshe obutsha bokukhangela nokuthintela ulwaphulo-mthetho. Itekhnoloji ephucukileyo efana nohlalutyo lwedatha, ubukrelekrele bokwenziwa, iinkqubo zokubeka iliso kunye nezixhobo zonxibelelwano lwedijithali zivumela amagosa ukuba aqikelele ngcono, athintele kwaye aphendule kwimisebenzi yolwaphulo-mthetho.”

Ngokokutsho kukaMchunu, isebe lakhe liza kunikezela ngeenzame zokujonga ubuntlola kulwaphulo-mthetho njengomqolo wamapolisa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA