By Nyameka Lamani.
Iinkampani ezininzi zelori zityhola ngelithi ziyoyikiswa ukuba zingazisebenzisi iilori zazo namhlanje ngosuku lwesihlanu (05) kweyoMsintsi2025, kungenjalo iilori ziyakumiswa kwaye zitshiswe.
Kutyholwa ukuba esi sigrogriso siphuma kwiqela elithile elingonwabanga kusetyenziswa abaqhubi bamazwe angaphandle ziinkampani zeelori.
UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay uMajor General Vuyisile Ncata uphendule ngokunga thandabuzekiyo wathi:
“Asinakuvumela uluntu oluthobela umthetho namashishini ukuba boyikiswe ngolu hlobo ngokugrogriswa ngobundlobongela ukuze abophuli bomthetho benze ngendlela yabo.”
I-SAPS inqwenela ukulutyhafisa olu hlobo lokoyikisa kwaye yongeze ngelithi: “I-SAPS kunye namahlakani ayo okhuseleko aza kuthunyelwa kwindawo echaphazelekayo ukunqanda nabuphi na ubundlobongela obunokwenzeka, kunye nokuqinisekisa ukhuseleko lwabo bonke abaqhubi beemoto kunye neelori kwiindlela zethu zoluntu kummandla waseNelson Mandela Bay.”
“I-SAPS ikhuthaza kwaye ibongoza naliphi na ishishini elithe lagrogriswa ngobundlobongela ukuba lize ngaphambili livule amatyala okugrogrisa. I-SAPS ikwanqwenela ukulumkisa nabaphi na abenzi bobubi abasebenzisa amaqhinga okugrogrisa ukuba kukho iindlela zomthetho, ngaphandle kokusetyenziswa kobundlobongela, ukusombulula imiba ebachaphazelayo, kwaye nabaphi na abaphuli bomthetho abonakalisa impahla yabanye bazakujongana nengalo yomthetho.” wongeze watsho.

