12.5 C
King William's Town
Monday, October 6, 2025

INkundla ePhakamileyo yaseRhawutini imisele isigwebo esingundoqo kwityala lokurhweba ngabantu.

By Nyameka Lamani.

Abemi baseTshayina abasixhenxe bamiselwe isigwebo sokurhweba ngabantu kwinkundla ephakamileyo eRhawutini namhlanje ngomhla wesihlanu (5) kweyoMsintsi 2025.

Ukugwetywa kwabemi baseTshayina abasixhenxe (7) abafunyenwe benamatyala ali-158 kumatyala ali-160 anxulumene nokuxhwila kunye nokusebenzisa ngenkani, kubandakanya abemi baseMalawi abangamashumi alithoba ananye (91), kumiselwe namhlanje kwiNkundla ePhakamileyo yaseRhawutini.

U-Kevin Tsao, u-Chen Hui, u-Qin Li, u-Jiaqing Zhou, uMa Biao, u-Dai Junying, kunye no-Zhang Zhilian bagwetywa ngeyoKwindla ngokurhweba ngokungekho mthethweni ngabaphambukeli eMzantsi Afrika nokubasebenzisa ngenkani.

Eli tyala livele emva kokuba ooKrebe bagqogqa umzi-mveliso oseVillage Deep, eRhawutini, ophethwe yinkampani ebizwa ngokuba yiBeautiful City Pty Ltd, ngo2019.

Babhaqe abemi baseMalawi, uninzi lwabo bengabo bangene ngokungekho mthethweni, kuquka nabantwana, besebenza phantsi kweemeko ezimaxongo bengafumani ntlawulo yexesha elongezelelekileyo okanye ikhefu.

Indawo ibingenawo amanyathelo okhuseleko kwaye abasebenzi bebebhatalwa imali engamashumi amathandathu anesihlanu (R65) eerandi ngosuku.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
89 %
1.1kmh
100 %
Mon
25 °
Tue
25 °
Wed
26 °
Thu
24 °
Fri
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks