Kuvele kwathi nkcwe eMonti izolo, zavalwa iivenkile.

Kuvele kwathi nkcwe eMonti izolo

Amakhulu-khulu abemi bamazwe angaphandle, kuquka naboMzanti Afrika ingakumbi abo bangooSomashishini, izolo baphume ngobuninzi kuqhankqalazo obelubanjwe kwizitalato zaseMonti.

Izolo malunga nentsimbi yeshumi elinamye, uluntu lwaseMonti edolophini lothuswe kukubona iivenkile ezininzi zivaliwe kanti zivalwe ngabomu. Eliqela lidele konke ze bazibandakanya kugwayimbo, ngokulwela ukhuseleko lwabo.

Ngokwengxelo yeempukane eziluhlaza, abahambeli bakhalazela ukuRhulumente ngokungabancedisi kukhuseleko lwabo, nanjengoko besithi bonele kukuphangwa ingakumbi ukuthinjwa kwabo neentsapho zabo ngooNqevu abafuna imali ukuze babakhulule.

Bathi bacela uMongameli uCyril Ramaposa ukuba angenelele kwaye aqinisekise ukuba ano babanjwayo kwizenzo ezigwenxa abayifumani ibheyile. Ukanti izikhalazo zabo bazidlulise kubaphathi boMaspala waseBuffalo City phambi weholo yoluntu ngelimemela ingalo engqingqwa.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
21.7 ° C
21.7 °
21.7 °
51 %
5.3kmh
0 %
Tue
20 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA