Ayihlawulwanga imbethi manqindi yaseZimbabwe elinina.
Ukuzama ukuquma ihlazo kuye kwanyanzeleka ukuba kungenelele iBhodi yoMbutho wamaNqindi kweli loMzantsi Afrika iBoxing South Africa emva kokuba iimbethi manqindi ezimbini (2) ezimgamanina nomqeqeshi wazo bengahlawulwanga ngabathelekisi bemilo yabo.
Lamagqiyazana nomphathi wabo kunyanzeleke ukuba bayokufihla iintloko kumzi wozakuzo waseTanzania kweli loMzantsi ePitoli nalapho belinde khona intlawulo intsuku ezilishumi (10) lonke phambi kokuba kuzokuvela oluhlangulo lombutho wamanqindi iBSA.
Ezimbethi manqindi nguEugene Kayange oneminyaka engamashumi amabini anethoba (29) ubudala noJesca Mfinanga oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala kwakunye nomphathi wabo u-Evarist Innocent. Emva kokungenelela kweBSA baye bade babhataleka abantwana basemzini imali ekwakuvunyelwene ngayo engamawaka amahlanu enamakhulu amabini eedola zaseMelika ($5 200), ngokwemali yaseMzantsi ngamashumi alithoba anesihlanu amawaka eerandi (R95 000) nekukho phakathi kwayo namatikiti okuntingela elizweni labo.
Letumente yamanqindi ibibanjelwe eKlipriviersberg Recreation Centre eKibler Park eGoli ngomhla wamashumi amabini anesibini (22) kweyeSilimela 2024.
Letumente ibisaziwa njengeyenze imbali nebiququzelelwa yiFantastic 2 Boxing Promotions.
Kukho nenye imbethi manqindi elinina yona ngeyaseZimbabwe egama linguPamela Matunga nongakhange alwe, bekufaneleke ukuba ulwe nembethi manqindi yalapha eMzantsi uMellisa Miller kodwa lomlo uchithwe ngenxa yesizathu sokungabikho kwengxelo yempilo yakhe. UPamela akakwazanga ukugoduka ngoku uhlala nomhlobo wakhe eGlenvista, eGoli.
Zombini ezimbethi manqindi zaseTanzania aziyiphumelelanga imilo yazo, uMfinange ebecela umngeni kwintshinga yeAfrican Boxing Union kudidi lwempukane nephethwe nguSmangele “Smash” Hadebe, yena uKayange ungqengqiswe kumjikelo wesine walala ngophotho.
By Siphiwo Boqwana

