Kwenziwe iinguqu kwitechnical team yeeChilli Boys

Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni nelizinze eGqeberha iiChilli Boys ziyitshintshile itechnical team yazo. Olotshintsho kukwenza uhlenga-hlengiso kakhulu kubaqeqeshi.

iChippa United yenze utshintsho olutsha kweliqela ngethuba isenza uKwanele Kopo umqeqeshi omkhulu weliqela aze uThabo September ibe ngusekela mqeqeshi.

Ukhumbule ukuba kwisizini edlulileyo uKopo noSeptember bebengaba qeqeshi bobabini2) bedibene nalapho begqibe isizini iChippa ikwindawo yeshumi elinesibini(12), benamanqaku angamashumi amathathu anesithandathu(36) emva kwemidlalo engamashumi amathathu(30).

Kwisizini edlulileyo ababaqeqeshi uSeptember noKopo banikwa uxanduva lokubeka eliqela kwindawo noko ebanzi babe befike phakathi kwisizini.

Ababaqeqeshi bakwazile ukwenza ukuba eli qela laseMpuma Kapa libekude ekuchaphazelekeni kukukhiqwa kwamaqela ukuya ezantsi kungernjalo kwiiplay offs ngamanqaku alishumi elinanye(11).

Ngokwengxelo yeliqela ngoku abasajonganga ekulweni ukungaphumi ntonje bafuna ukulwela yonke into baphuhlise nezakhono kwiphondo leMpuma Kapa liphela.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA