Iqela elitsha nelisanda kunyuselwa kwiDSTV Premiership iMagesi FC ibhengeze ukuba ibadilizile abadlali abalishumi elinesibini(12) beliqela.
Eliqela neliqeqeshwa nguClinton Larsen lafumana ukonyuselwa ngethuba liphumelela indebe lazinjinga zeMotsepe Foundation.
Eli qela lilungiselela isizini esazakuvulwa lifuna ukulicutha iqela nanjengoko lizakudlala kwiligi ephezulu ngoku. Nangona eliqela livumile ukuba lohlukene nababadlali abalishumi elinesibini(12) kodwa abakababhengezi abatsha nababatyikityileyo.
Naba abadlali abagxothwe yiMagesi FC nguMpho Raseone, uMcedi Vandala, uDawny Makgatho, ibe nguElson Sithole, uDiamond Thopola, ize ibe nguTeboho Mokalapa, uVuyisile Wana, ibe nguMmahlogo Masemola, uRaphile Mawela, ibe nguThitswalo Masebe, uKatleho Molaba, noNtuthuko Mlotshwa.
Iqela leDikwena libanqwenelele okuhle kodwa ababadlali ebagxothileyo nabalishumi elinesibini(12), aba ngabadlali abathathe eliqela balibeka kwiDSTV Premiership.
Ithi iDikwena Tsa Meetse ayifuni kwenza impazamo eyenziwa yiCape Town Spurs, kaloku iCape Town Spurs yabagcina abadlali bayo ebabancedayo benyuka. Eli qela lithe lizakwenza ingxelo kungentsuku zatywala ngabadlali abatsha.
By Siphiwo Boqwana