Lenyukele kwisibhozo Inani labantu ababhubhileyo kwingozi eMpuma Koloni ngobusuku bangaphambi koNyaka oMtsha

Inani labantu ababhubhe kwingozi yangeCawe kuhola wendlela uN2 phakathi kweDutywa noMthatha linyuke laya kutsho kwisibhozo.

Othethe egameni lezendlela ephondweni u-Unathi Binqose uthi imoto yohlobo lweToyota Fortuner kunye neFord Kuga zingqubane ngentloko kwindawo enemvula phambi kwentsimbi yesihlanu malanga.

Uthi iFortuner ibinabantu abathandathu ekubhubhe omnye kubo, logama bonke abantu abahlanu kwi Ford Kuga babhubhele kwindawo yexhwayelo.

UBinqose uthi abanye abakhweli ababini kwiFortuner sele bebhubhile.

Uthi bobabini abaqhubi baphakathi kwabangasekhoyo.

Amadoda amathathu, enzakeleyo kwiFortuner, asiwe esibhedlele eGcuwa.

Ababhubhileyo ngamadoda amathandathu nabasetyhini ababini.

Akukho magama akhutshiweyo okwakaloku nje.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA