Ingozi emasikizi, nehlasimlisa umzimba eDutywa idlule nemiphefumlo emithandathu(6)

Abasemagunyeni kunye namagosa ezendlela amaxhaphetshu, abila esoma kuhola wendlela uN2 cebukuhle eDutywa.

Kaloku, ngalenjikanga yangeCawa umhla we(31 Dec 2023) kubhubhe inani labakhweli abathandathu(6). Lengozi enkulu yenzeke malunga nentsimbi ye-16:40 kuhola wendlela uN2 phakathi kweDutywa noMthatha.

Ngokwengxelo yeSebe lezothutho ePhondweni, ibisisithuthi esinye sohlobo lweToyota Fortuner kunye neFord Kuga. IToyota Fortuner ibinabakhweli abathandathu ze kwasweleka umntu omnye (1), iFord Kuga ibinabantu abahlanu (5) nabathe babhubha bonke kule ngozi.

 Abaqhubi bayacelwa ukuba baqhube ngononophelo, kwaye bathobe isantya nanjengoko imo yezulu ithande ukubambi ziimvula ezimandla. Ukanti oyena nobangela wengozi uphantsi kophando oluqhubekayo.

Community-verified icon

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA