Lidluliselwe enkundleni yamatyala ephakamileyo ityala lokudutyulwa kwenyhikityha yabantu, eLusikisiki.

By Asipile Kitchen.

ITyala lokubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo (18) elijongene namadoda asithandathu (6) eLusikisiki limiselwe umhla weshumi elinesine (14) kuTshazimpunzi 2025 emva kokuba lidluliselwe kwinkundla ephakamileyo yaseMthatha, nezokuchotshelwa kwi-sekethe yaseLusikisiki. Urhulumente uzirhoxisile izityholo kumadoda amabini, uLwando Abi (33) noZenande Paya (38), ebebephakathi kwabatyholwa abasithandathu.

UMzukisi Ndamase (46), Siphosoxolo Myekethe (45), Aphiwe “AP” Ndende (25), Bonga Hintsa (31), Mawethu Nomdlembu (36) noSongezo Vuma (20), bajongene namatyala okwenza amayelenqe okubulala, amatyala okubulala izihlandlo ezilishumi elinesibhozo, ukuqweqwedisa, ukuphanga okwenza imeko mandundu, ukuba nemipu engekho semthethweni, ukuba nezikhali ezingekho semthethweni nembumbulu.

Bazogwetyelwa ukudutyulwa kwenyhikityha yabantu eyenzeka nge 28 KweyoMsintsi 2024 kwimizi emibini esebumelwaneni kwilali yaseNgobozana kufuphi nakwidolophu yaseLusikisiki, apho kwabulawa abantu abalishumi elinesibhozo. Bakwanxulumaniswa nokubulawa kukasopolitiki uMncedi Gijana waKwaBhaca ngomhla weshumi elinethoba KweyeThupha 2024.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
11.3 ° C
11.3 °
11.3 °
87 %
2.5kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA