UGayton McKenzie uyasixhasa isigqibo seSebe lakhe malunga nokuqesha ngobuHlanga.

UMphathiswa weSebe lezeMidlalo, iNkcubeko nobuGcisa uGayton McKenzie usithethelele isigqibo sesebe lakhe malunga nopapasho lwesithuba sengqesho esicalula ngobuHlanga, esivalela abantu abamnyama ngaphandle.

Esi sibhengezo sesikundla kwi-ofisi kasekela mlawuli wenkxaso yolawulo nonxibelelaniso sithe esi sikhundla sizokuthatha abo bangamadoda beBala, amaNdiya, abaMhlophe, amaNina beBala kunye namanina angamaNdiya.

Esi sikhundla ngoku besibhengezwa besidinga abo baneBanga leshumi, isidanga okanye idiploma yeminyaka emithathu kulawulo, ulawulo loluntu, ulawulo lwe-ofisi yoonobhala kunye namava olawulo yeminyaka emithathu ukuya kwemihlanu kwinkqubo yezopolitiko nepalamente.

Oku kuye kwadala isankxwe kumakhasi onxibelelwano, uninzi lutyhola uMcKenzie ngokunikunika abamhlophe, amaNdiya kunye nabebala amathuba omsebenzi ngaphezulu kunabantu abamnyam.

UMcKenzie xa ezithethelela uthe ubelandela uMthetho woBulungisa kwezeNgqesho ukuqinisekisa ukuba ezinye iintlanga zihoyiwe ngurhulumente.

“Ndingowazo zonke iintlanga. Xa ndifumanisa ezinye iintlanga zingahoywanga kwaye zingafane zinikwe amathuba emisebenzi, ngumsebenzi wam ukuba ndiwulungise. Ndilungisa izinto. Ndifuna zonke iintlanga zimelwe kwisebe endilikhokelayo.”

Wongeza ngelithi kubasebenzi besebe lakhe abangamakhulu amahlanu namashumi anesibhozo anesithandathu (586), abangamakhulu amahlanu namashumi amathathu ananye (531) ngabantu abantsundu, abalishumi elinethoba (19) ngabebala, abane ngamaNdiya (4) ze abangamashumi amathathu anesibini (32) ngabamhlophe.

“Andisoze ndikhokele isebe elingamelwanga luluntu. Ndityholwa ngocalucalulo ngabantu abadinga ukuzijonga esipilini.”

Eminye imibutho yabasebenzi icele ukuba asuswe lo gama abanye besithi izigqibo zokuqesha kufuneka zisekelwe kuphela kwiziqinisekiso zemfundo nokwenza umsebenzi endaweni yebala lolusu.

“AbeBala, abaMhlophe, namaNdiya kufuneka nabo bafumane amathuba emisebenzi. Awunako ukundigrogrisa ngeemanyano. Andizukurhoxa kuloo nto.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.1 ° C
17.1 °
17.1 °
87 %
1.2kmh
94 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA