Lidlwengulwe labulawa ibhinqa eliselula, eNcerha.

By Asipile Kitchen.

ULuntu lwelali yaseNcerha ngaphandle nje kwaseMonti lushukunyiswe bubugebenga obuhlasimlisa umzimba. Umzimba kaAsenathi Mve,, oneminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala ufunyenwe usongelwe ngeplastiki kwihlathi elikufutshane ngeCawa, ngomhla wokuqala (01) kweyeSilimela 2025, oku kuza emva kohlaselo olunobundlobongela ngentsasa yala mini.

Ngokwengxelo, eli bhinqa liselula ligqityelwe ubonwa lihamba nabahlobo balo emva kokusuka kwindawo yokonwaba ekufitshane. Amangqina athi uhambe netshomi eyindoda imkhapha ukugoduka xa esi sibini sidibana nendoda engaziwayo iphethe ucelemba. Kutyholwa ngelithi le ndoda ibahlasele, irhuqela ngenkani intombazana etyholweni apho ifke yamdlwengulwa yaze yambulala khona.

Umhlobo ungqinile ukuba ugqibele ukumbona ngethuba bebuya ukuyozonwabisa kusasa ngeCawa, ngelixa usapho lwakhe luthe lugqibele ukumbona ngoMgqibelo, umhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyeSilimela 2025.

Emva kokumkhangela ngosuku olulandelayo, umzimba wakhe ufunyenwe ehlathini emva kwemni ngoMvulo, unamanxeba amasikizi kumzimba ongentla nesilamba esimnyama simgqume ubuso.

Umrhanelwa utye kwabanentsente kwaye akukabanjwa mntu. Amapolisa avule ityala lokubulala kwaye avumile ukuba uphando lusaqhuba.

Unobangela woluhlaselo awukacaci kwaye noluntu lushiyeke lunxunguphele kwaye lunoloyiko emva kwesisehlo. Abasemagunyeni babongoza nabani na onolwazi aze ngaphambili.

Olu lwaphulo-mthetho lubambisa amazinyo kwaye longeza kwinkxalabo ezikhulayo ngobundlobongela obusekelwe kwisini eMzantsi Afrika, ngakumbi kwilali apho iinkonzo zamapolisa nenkxaso zinqophongele khona. Amalungu oluntu afuna ubulungisa kwandiswe nokhuseleko lwabantu basetyhini abasebatsha kule ndawo.

Amapolisa acela uncedo kuluntu njengoko besaqhuba ukukhangela umrhanelwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA