Amapolisa avule uphando olukhawulezileyo emva kokubulawa kuka Marius van der Merwe, owaziwa njengo Witness D kwiKomishini kaMadlanga phezolo eRhawutini.
UVan der Merwe udutyulwe wabulawa phambi kwekhaya lakhe eBrakpan emva kwentsimbi ye-20:30 ngoLwesihlanu Xa ebezama ukuvula isango likungena emzini wakhe(gate). Umfazi wakhe, obesemotweni, akonzakelanga. Ukanti akukho nto ethathiwe kuye, njengoko isipaji kwakunye nompu wakhe zifunyenwe zisekho kumzimba womfi.
Iingcali ze-SAPS ziqinisekisile ukuba kusetyenziswe umbayi-mbayi wohlobo lwe-AK-47 ukudubula ixhoba.
Usekela Mkomishinala wase-Gauteng, uFred Kekana, uthi amapolisa akhangela iNissan NP200 enekhanopi, ebonwe kwiikhamera ezikufutshane ngexesha lophando lokuqala kwaye ekholelwa ukuba inxulumene nesi sehlo sokubulawa.
Unjengele Fannie Masemola uza kuba nendibano engxamisekileyo ukunika ingxelo ku-Justice Mbuyiseli Madlanga aze aqalise amanyathelo okuqinisa ukhuseleko lwabo bonke aba ngamangqina kunye nabasebenzi beKomishini.

