UMchunu udiza izizathu zokuchithwa kweqela le Political Killings Task Team

By Sophumelela Singqota 

Umphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu ubuyele kwikomishoni yakwaMadlanga ngoLwesihlanu ejongiwe emva kokuvuma kwakhe ukuba walichitha iqela lePolitical Killings Task Team (PKTT) ngaphandle kothethathethwano neenkokeli eziphezulu zamapolisa.

Enika ubungqina ngoLwesine, uMchunu uvumile ukuba “akubangakho ndibano, khange kubekho ntlanganiso, kwaye akukho uthethathethwano olusesikweni” phambi kokuba ayalele abaphathi bamapolisa kuzwelonke ukuba balichithile eli qela.

Iqela elichithiweyo lamiselwe ukuba liphande igagasi elikhulayo lokubulala okuyanyaniswa nezopolitiko KwaZulu-Natal (KZN) nakwezinye iindawo.

Ingxelo yakhe yothuse ikomishoni, babuza imibuzo ebukhali malunga nolawulo, ukongamela kunye nokusilela kwentembeko phakathi kwesigqeba esilawulayo kunye nesigqeba somyalelo wamapolisa (SAPS).

UMchunu uzame ukucacisa ngesigqibo sakhe, egxininisa ukuba lo myalelo uqhutywa ziinkxalabo “zokuphindwa kabini, ukungasebenzi kakuhle nokunganxibelelani kakuhle” kumaqela aphandayo.

Uyigcinile into yokuba uxanduva lwe-PKTT lwenzelwe ukuba lufakwe kwizigqeba ezibanzi zamapolisa, nangona evumile ukuba unxibelelwano malunga nesigqibo “asonelanga waye uyazisola.”

Usihlalo wekomishoni uJustice Mandisa Madlanga ucinezele uMchunu malunga nokuba ukuvalwa komsebenzi ngesiquphe kuyaluphazamisa na uphando olusebenzayo okanye kuqinise uthungelwano lolwaphulo-mthetho.

UMchunu uveze ukuba iSAPS ihleli ikwazile ukubulalana ngenxa yezopolitiko, kodwa ikomishoni yabonisa ukuba izakufuna ubungqina obubambekayo ukuxhasa eli bango njengoko kuqhubeka iingxoxo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA