36.1 C
King William's Town
Sunday, January 26, 2025

Lidutyulwe labhubha phambi kwesango lekhaya lalo iPolisa laseMpuma Kapa.

IPolisa laseMpuma Kapa lidutyulwe labhubhela ngaphandle kwekhaya lalo ngokuhlwa kwangoMgqibelo, umhla wamashumi amathathu (30) kweyeNkanga 2024.

Unobangela wokubulawa kwakhe awukaziwa okwangoku. Amapolisa athi uWarrant Officer oneminyaka engamashumi amahlanu anesibhozo (58) ubudala, osebenza kwiCandelo leStock Theft and Endangered Species, udutyulwe phambi kwendlu yakhe ngecala emveni kwenstimbi yesibhozo (20:30) ebusuku.

ISithethi samapolisa eMpuma Kapa, uColonel Siphokazi Mawisa uthi ngokweengxelo zokuqala eli polisa lidutyulwe ngabarhanelwa bexhobile phambi kwekhaya lalo kwindawo yakwaMabefu ngaphandle kwaseQonce.

“Athe akufika amapolisa kwindawo yexhwayelo, aboniswa umzimba wexhoba.

UMawisa uthi ufumene inxeba elinye lokudutyulwa entloko.

“Ekuphandweni, amapolisa aqaphele ukuba akukho nanye impahla yakhe ethathiweyo kwaye nemoto yakhe ibilapho.”

UMawisa uthi unobangela wokubulawa kwakhe akaziwa kwaye uzakuba yinxalenye yophando.

“Ityala lidluliselwe kwiCandelo loPhando loBugebenga noPhando (DPCI) ukuze kuphandwe kabanzi.

UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene uthe uhlaselo lwamapolisa luhlaselo kumagunya karhulumente, kwaye alusokuze lunyanyezelwe.

Ukhuthaze uluntu ukuba luncedise amaGosa oPhando ngolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabenzi bobubi.

“Sidlulisa uvelwano lwethu olunzulu kusapho lwelungu noogxa bakhe, wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo,” utshilo uMene.

UMphathiswa wamaPolisa kuzwelonke uSenzo Mchunu uthe ngokweenkcukacha-manani zamva nje zolwaphulo-mthetho amapolisa alishumi elinesixhenxe (17) aphulukene nobomi bawo kwiinyanga ezintathu.

Amapolisa alishumi elinesithathu abulewe esemsebenzini. Balishumi elinesixhenxe abarhanelwa ababanjiweyo.

UMchunu uthe abane kubo bagwetywe ubomi entolongweni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
36.1 ° C
36.1 °
36.1 °
29 %
4.1kmh
0 %
Sun
35 °
Mon
22 °
Tue
30 °
Wed
37 °
Thu
36 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks