USekela-Nqununu kwiSikolo saseMntla Ntshona utyholwa ngokudlwengula umfundi oneminyaka elishumi elinesibini esikolweni sakhe.
INkundla kaMantyi yaseBrits inike lo mfundisi-ntsapho oneminyaka engamashumi amathandathu anesithathu (63) ubudala ibheyile ye-R5,000 ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anethoba (29) kweyeNkanga 2024.
INkundla ive ukuba ngo-2024, wathatha le ntwazana wayisa ematyholweni kufuphi naseMajakaneng apho wayidlwengula khona. Wayeqale ukumlungisa ngo-2023 ngokumanga kwaye emthumelela imifanekiso enqunu.
ISithethi se-NPA uLumka Mahanjana uthe umhlobo wale ntwazana wabona le miyalezo kwifowuni yakhe waxelela unina kunye notitshalakazi.
“Utitshala wacela aba bafundi babini ukuba beze neefowuni esikolweni ukuze zijongwe,” utshilo uMahanjana.
“Umama wexhoba waxelelwa ngesi siganeko sisikolo kwaze kwavulwa ityala kummangalelwa ngomhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyeNkanga ngo2024.
Usekela-nqununu wazinikela kumapolisa aseBrits ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kweyeNkanga.
Igqwetha lakhe lacela ibheyile, lisithi utshatile unabantwana, akazange abe sengxakini ngaphambili, kwaye kufuneka ahlawule ibhondi yakhe.
Kodwa umtshutshisi u-Octavia Pletschke uye walwa nebheyile, elumkisa umtyholwa ukuba angabaleka xa ekhululwe kuba ujongene nentolongo ixesha elide ukuba ufunyenwe enetyala.
“Umtyholwa ebesele eligrogrisile eloyikisa ixhoba, umama walo kwakunye nengqina,” utshilo uMahanjana.
UMantyi uRosenburg unike ibheyile enemiqathango engqongqo: umtyholwa kufuneka axele kwisikhululo samapolisa saseHartbeespoortdam yonke imihla, angakwazi ukuqhagamshelana namangqina, kwaye kufuneka ancame ipasi lakhe.