Lifezekile iphupho likaLindokuhle Melaphi lokuba kumabonakude.

By Inga Mkalali

Owaqala ngokusebenzisa amacephe kamakhulu wakhe njengomboko, udlala indawo kaThozama kwinkqubo kamabonakude.

ULindokuhle Melaphi ozalelwe kwiphondo iMpuma Koloni kwidolophu yaseQonce, waze wakhulela eKapa phantsi kwentaba yetafile, ubashiye bengawuvali abaninzi umlomo ngenxa yesakhono sakhe kanye nobuchule abusebenzisileyo ekubonakaliseni umlinganiswa amdlalayo, uThozama kwinkqubo iKelders Van Geheime (Season 2) ku-eTV.

Okwangumvelisi nomququzeleli wemidlalo yeqonga neka mabonakude, uLindokuhle ufunde wayiqongqotha eMagnet Theatre waze waxela unomatse egqithela kwiSikolo iRainbow Academy soBugcisa bokuSebenza kunye noShishino, nalapho afunde wayityekeza egcwalisa uvimba wakhe ngolwazi lokuba ngumlinganiswa kwimidlalo yeqonga nomabonakude.

“Ekhaya ndikhule kusithiwa ndingumntwana othanda izinto ngoba ndandithanda ukulinganisa abantu aba kumabonakude ndisebenzise amacephe kaMakhulu njengomboko. Ukonwabisa abantu ndandikuthanda kuba kwakuthi xa kusithiwa mandilinganise umlinganiswa othile kumabonakude ndingaphozisi maseko. Abazali bam bathi ndandiyithetha ndisemncinci into yokuba ngenye imini ndakuze ndivele kumabonakude”.

Le nzwakazi ithi yohluke kakhulu kumlinganiswa amdlalayo owaziwa njengoThozama, kuba uThozama uyabuthanda ubunewunewu nokufaka inwele zexabiso ezimenza ajongeke emhle kwaye ukuba ufuna into angenza nantoni na ukuze ayifumane ngelixesha ayifuna ngalo ukanti yena, uLindokuhle uyakholelwa ukuba yonke into inexesha layo kwaye ngexesha elifanelekileyo izokwenzeka.

“Eminye yemiceli mngeni endiye ndajongana nayo kukuziqonda ndizazi ngokwa kwamoya, ekhaya ndikhuliswe ngomthandazo, uTata wam ngumfundisi weCawa iUnited Methodist, bendisoloko ndinenkxalabo yokuba kuzothiwani ngemidlalo yeqonga okanye kamabonakude endiye ndidlale kuyo njengomlinganiswa kuba amatyeli aliqela ndisoloko ndidlala abalinganiswa abohlukileyo kakhulu kum”.

“Into eyandincedayo kukuhlala phantsi nabazali bam ndibacacisele ndingekaveli kwakumabonakude. Enye yemiqobo endiye ndajongana nayo kukuba oko ndandisoloko ndixelelwa ukuba uhlobo endijongeka ngalo alilingani neminyaka yam ndibukeka ndimncinci loo nto yandenza ndacinga inokuba ndakusoloko ndidlala abalinganiswa abancinci kunam bendiqala apha kuThozama ukudlala umntu olingana nam”.

Lo kaMelaphi uhambise wathi “Akukhonto yogqitha ukukholelwa amaphupheni akho nokuzazi, ungafuni ukuthatha indlela elula usebenze nzima, kwaye sisiqalo esi ndizibona ndivela kwimidlalo ebukelwa jikelele lihlabathi liphela”.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
11.6 ° C
11.6 °
11.6 °
80 %
2.1kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA