Kudutyulwe kwabulawa igosa leYunivesithi iWalter Sisulu eMthatha, ngorhatya ngoLwesine.

By Nontando Ntsevu.

IGosa eliphezulu kwiYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) lidutyulwe labulawa kufutshane nekhampasi yaseMthatha ngorhatya ngoLwesine, umhla weshumi elinethoba (19) kweyeSilimela ngo-2025, malunga nemizuzu engamashumi amthathu anethoba emva kwentsimbi yesihlanu (17:39). Isizathu sokubulawa kwakhe asikaziwa okwalo mzuzu.

Amapolisa aqinisekisile ukuba esi sehlo senzeke phambi kwentsimbi yesithandathu kufuphi nesango lokungena eNkululekweni, elijongene nohola wendlela uN2.

ISithethi samapolisa uBrigadier Nobuntu Gantana uthi amapolisa abhaqe umfi engaphakathi kwisithuthi sakhe esimileyo.

“Uphononongo lwangaphambili luqinisekisa ukuba ixhoba lifumene amanxeba amaninzi okudutyulwa ngelixa lihleli kwindawo yomqhubi,” utshilo.

Unobangela awukaziwa, okhokhelele kulentlekele.

“Igama lomfi alikakhutshwa ngokusesikweni de umzimba uchongwe lilungu losapho, ngokomthetho weSAPS,” utshilo uGantana.

“Iingcali zenkundla kunye nabecuphi basebenza ngenkuthalo kwindawo ekhuselekileyo yolwaphulo-mthetho.”

Ibambela lomkomishinala wamapolisa ephondweni uMajor-General Thandiswa Kupiso ufunge wathembisa ukuba uzakulandela wonke umkhondo ovelayo, ekwabongoza uluntu ukuba luphephe intelekelelo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15 ° C
15 °
15 °
86 %
4.4kmh
100 %
Mon
23 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA